Inwazana esencinane ifumene inyhweba
Babanjwe emva kokuxhomisa eMqanduli abarhanelwa
UFundile Gade uthi amakhasi onxibelelwano anefuthe elibi ngendlela yokubhalwa kwesiXhosa.
Kubanjwe abantwana abangamashumi amathathu anesithathu nabantu abadala ababini kumda iBeitbridge.
Indoda efunyenwe inemifanekiso yamanyala yabantwana iza kuvela enkundleni eGqeberha.
Amapolisa aphanda ukubulawa kukaDJ Warrick Stock, owaziwa ngokuba nguDJ Warras, axelele inkundla yaseGoli ukuba aza kuyibamba kungekudala intombi yomrhanelwa otyholwa ...
Unyuselwe uMolefe, yena wathotyiselwa uMakhubele
UMphathiswa weSebe leMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, uthi bayazamkela iziphumo zematriki zika2025.
Abafundi abane baphakathi kwabafundi abangamashumi amane abagqwesileyo kwiziphumo zematriki zika2025.
INkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane wamkela iziphumo zematriki zika2025.
Onke amaphondo aphumelele ngaphezulu kwe80% kwizinga lokuphumelela imatriki.
UNgazibini Ntungwa yintwazana yaseCofimvaba ophakathi kwabafundi abagqwesileyo kweli loMzantsi Afrika.
Uswelekile umama kaNkosi Mandla Mandela, umama uNolusapho Rose Rayne Mandela-Perry.
URamaphosa uthi kunyanzelekile amalungu alwele ukuphumelela kweANC
UMongameli weANC uCyril Ramaphosa uthi uMzantsi Afrika awuzukungcungcuthekiswa.
Indoda (21) iza kuvela enkundleni malunga nokubulawa kukaLinomtha Skeyi (16).
Iziphumo zematriki zabafundi abangamashumi amane abakope iimviwo zabo zokugqibela kunyaka ophelileyo ziza kugcinwa.
ISebe lezoPhuhliso loLuntu laseMpuma Koloni lixhalabile linani lamatyala okungahoywa kwabantwana ngexesha leeholide.
iAfrican National Congress ibhiyozelela ikhulu elineshumi elinesine leminyaka
Abarhanelwa abane baza kuvela kwiNkundla kaMantyi yaseGqeberha ngetyala lokuphanga indlu nokuba nompu ngokungekho mthethweni.