Amapolisa aseKZN alumkisa uluntu ngabantu abazenza uMkhwanazi kumakhasi onxibelelwano.
Amadoda amathathu adutyulwe abulawa eHarare, eKapa.
Amakhaya angathathi ntweni kumasipala waseMbhashe axhamla kwinkqubo eqinisekisa ukuba bafumana iinkonzo ezingundoqo.
Amapolisa aseGqeberha akhangela inkwenkwe elahlekileyo yaseBethelsdorp.
Amaqela ohlangulo akhangela umntwana okhukuliswe zizikhukula njengoko zisaqhubeka iinzame zokuhlangula.
UMphathiswa wezoThutho wenze isigqibo sokuchitha ibhodi yabalawuli beRAF.
UMinnie Ntuli ngundabamlonyeni emva kokuvela kwinkqubo kamabonakude iRHOD.
Abanye abantu baseMpuma Koloni bancedwa ziiloli ezihambisa ukutya ukuqinisekisa ukuba akukho mntu ulala engatyanga.
Ixhego laseLimpopo laxhwilwa loluswa ngaphandle kwemvume yalo.
Akasekho kweli uNjingalwazi Peter Tshobisa Mtuze.
UMzantsi Afrika unengxaki yamazinga aphezulu amantombazana aselula akhulelwayo.
Owayesakuba lipolisa ngexesha localucalulo uJohan Marais ugwetywe iminyaka eli15 ngokubulala uCaiphus Nyoka.
Amapolisa akhangela utata onamashumi amathandathu anesithandathu (66) waseMotherwell, eGqeberha owalahleka.
Abarhanelwa abane abangamadoda babanjwe neegusha ezibiweyo.
Ngabakhwetha abane ababhubhileyo kwisithili saseOR Tambo.
Bangaphaya kwekhulu abantwana besikolo abaphuma eMpuma Koloni abaza kumela iphondo kwitumente yezemidlalo kazwelonke KwaZulu-Natal.
Kubanjwe indoda emva kokufunyanwa neepilisi zeziyobisi zemandrax ezingaphaya kwewaka KwaNojoli.
UMajor General Solomon Makgato uza kungena ezihlangwini zikaLieutenant General Dumisani Khumalo njengebambela eliyintloko kwicandelo lezobuntlola kwiSAPS.
Umbutho weAfrican Transformation Movement (ATM) ufake isicelo kwiofisi yoMkhuseli woLuntu ukuba iphande ngokukhawuleza uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu.
Kubanjwe amadoda amathathu aseBityi emva kokufunyanwa nemipu engekho semthethweni.
AbakwaSASSA bazichithile iingxelo zokuba zinqunyanyisiwe izibonelelo zentlalo kulandela abanye abantu abangazifumani izibonelelo zabo.
USibusiso Ncengwa ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu ngokubulala uSindiso Magaqa.
Owayesakuba nguSekela Mongameli uDavid Mabuza uza kuwongwa ngenqanaba lesibini lomngcwabo waseburhulumenteni.
UMongameli uCyril Ramaphosa uthi izityholo zomphathi wamapolisa eKZN, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, ngakuMphathiswa wamaPolisa, uSenzo Mchunu, ziza kunikwa ...