Iindaba

Abantwana besikolo baseBizana bafumene izihlangu zesikolo

Cwayita Nondula|Published

Abaxhasi kunye nabachaphazelekayo ngosuku lokunikezelwa kwezihlangu zesikolo.

Image: Uthunyelwe

Abantwana bommandla waseBizana baxhamle kwizihlangu zesikolo ezingaphaya kwamakhulu alithoba (939) ezithe zanikezelwa kwizikolo zamabanga aphantsi ezilishumi elinesihlanu (15).

Eli phulo beliqhutywa yiWild Coast Sun, ethe yanikela ngezihlangu ezingamakhulu amabini (200), phantsi kwesikhokelo sikaManejala weNtengiso uCynthia Nene okwanguMrs Bold 2024.

"Lo mnikelo ubungeke ubekho ngaphandle kwentliziyo yababoneleli beWild Coast Sun, abahlala eWild Coast Sun, abasebenzi kunye nabantu abathile kulo mmandla abathe banikela ngezihlangu zesikolo. Iinzame zabo ziqinisekise ukuba amakhulu abantwana ngoku anezihlangu ezifanelekileyo, nto leyo esusa omnye umqobo kwimfundo yabo," utshilo uNene.

Lo msitho ubuzinyaswe nguVakele Dumela weSebe leMfundo esiSiseko, egameni loMlawuli wesithili saseAlfred Nzo West, iinqununu zezikolo, kwakunye nabaxhamli, watsho ebethelela ukubaluleka kokuqinisekisa ukuba abantwana bayafikelela kwiimpahla zesikolo eziyimfuneko.

UManejala weWild Coast Sun, uHenry Boekhouer, uthe abafundi abaninzi kwiindawo ezihlelelekileyo bahamba imigama emide ukuya esikolweni, amaxesha amaninzi bengenazihlangu ezifanelekileyo, nto leyo eyenza eli phulo libe lingenelelo elibalulekileyo kuhambo lwabo lwemfundo.

"IWild Coast Sun izimisele ukuphakamisa uluntu esisebenza kulo kunye nokuqinisekisa ukuba akukho mntwana ushiywa ngasemva ngenxa yeemeko abangenako ukuzilawula. Imfundo isisiseko sekamva eliqaqambileyo, yaye siyakuvuyela ukuba negalelo," utshilo uBoekhouer.

Ezinye iinkampani ezinikezele ngezihlangu ziquka iTsebo Catering Services, Doo Donuts, Food Express & Gourmet, Spur, Magic Company, Uyabonwa Security, TBAC, neHalfway Ford Port Shepstone.

ISebe lezeMfundo esiSiseko eAlfred Nzo West lizamkele ezi zihlangu egameni labafundi abaphuma kwizikolo ezifana neEbenezer, Plangeni, Lingelethu, Mdatya Free Methodist, Lukholo, Topozo, Izwelethu, Sijadu, Sigidi, Cwaka, Ncenjane, Madadana, KwaNtika kunye neMpunzi Drift.