UMzwamadoda Ndinisa (15) olahlekileyo.
Image: SAPS
Amapolisa aseMotherwell kwicandelo elijongene nobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana kunye nolwaphulomthetho ngokwesondo (FCS) acela uncedo kuluntu ekufumaneni uMzwamadoda Ndinisa (15) owachazwa njengolahlekileyo ngoLwesihlanu, umhla we20 kweyeSilimela 2025.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge, le nkwenkwe yagqityelwa ukubonwa zizalamane zayo ngoLwesine, umhla we19 kweyeSilimela 2025, iphuma kwikhaya layo eliseMama Street, eNew Brighton, ukuya kutyelela umhlobo wayo.
"Ulwazi olukwiingxelo zamapolisa lubonisa ukuba wemka kwikhaya lomhlobo malunga nentsimbi yesithandathu ngorhatya nangona kunjalo, akazange abuyele ekhaya. Ngemini yokunyamalala kwakhe, wayenxibe ibhulukhwe ekhaki, ijezi enomnqwazi (hoodie) emfusa kunye neeflops ezimnyama," utshilo uBeetge.
Kucelwa nabani na onolwazi malunga nokuba iphi le nkwenkwe elahlekileyo okanye onokuthi anike iinkcukacha ngokuduka kwayo, atsalele umcuphi, uDetective Sergeant Jacobs ku071 475 2324 okanye atsalele umnxeba iCrime Stop ku08600 10111.