Ace Ncobo ongumphathi wePremier Soccer League ukhuthaze abantu baseMpuma Koloni ukuba baphakamise indawo yabo entlanganisweni yeenkokeli zemidlalo ebiseMphekweni kwiveki ephelileyo.
Image: DSRAC/Facebook
Imanejala yePremier Soccer League (PSL), uMnu. Andile 'Ace' Ncobo, igqibe kwelokuba ithi gu bucala emsebenzini wokuhlalutya ibhola ekhatywayo kwinkqubo yeSuperSport TV. Oku ukwenze emva kokuvela enkundleni yaseKapa – apho abekwe izityholo zobuqhophololo norhwaphilizo emini ngoMvulo wale veki.
UNcobo uxelele abalandeli bakhe kuFacebook ukuba ubone kufanelekule ukushiya inkqubo ethi Extra Time TV kude kusongwe ityala ajongene nalo nenkosikazi yakhe egama linguSalome Ncobo.
"Emva kweminyaka eyi13 sisonke kwinkqubo yasebusuku, sakhe ubudlelane nabalandeli bebhola ekhatywayo. Bayandithanda xa uhlalutyo lwam luveza okuhle ngamaqela wabo – kodwa bandithiye xa ndiveza okubi ngamaqela wabo," utshilo.
"Kuko konke oku nifundile indlela abazithatha ngayo izigqibo oosompempe emidlalweni. Emva kokuphuma enkundleni izolo, into yokuqala endithe mandiyenze kukuxelela umphathi wam kwaSuperSport Football ukuba ndiza kushenxa emsebenzini wam okwethutyana. Andifuni okwenzeka kum kuphazamise inkqubo negama likaSuperSport," utshilo uNcobo.
Uzikhabe ngawo omane izityholo azityatyekwe liGunyabantu leZotshutshiso ngelithi umsulwa – kodwa umthetho kufuneka wenze indima yawo enkundleni. Emva kokuma emaplangeni ithutyana nenkosikazi yakhe, bakhululwe ngebheyile yeR50 000 neR30 000 ngokwahlukana kwabo.
Baza kubuyela enkundleni ngomhla we29 kuCanzibe kulo nyaka ka2025. Ingxelo yomtshutshisi ithe izityholo zimalunga neR15-million eyayiphuma kwaPetroSA iyeyokwakha isikolo. Isithethi seNPA, uEric Ntabazalila, sithe uNcobo nonkosikazi wakhe bafumana imali ngendlela engekho semthethweni eyaphetha inceda iziqu zabo.
Uthe imali kaPetroSA yayibekelwe ukuncedisa izikolo ezikwiindawo ezihlelelekileyo. Ngo2008, iGangatha Junior Secondary School yakhelwa amagumbi okufundela amatsha okufundela, awangasese, iziko leekompuyutha nezinye izinto eziquka ibala lezemidlalo. UNtabazalila uthe uPetroSA wayenesivumelwa seR13-million neGangatha Building Trust malunga nokwakhiwa kwesikolo.
Wongeze ngelithi nguNcobo owayenikwe uxanduva lokwakhiwa kwesikolo esaqalwa ekupheleni kuka2008 sagqitywa ngo2009 nakubeni (uNcobo) engazange anikwe imvume yokuzakuzela ngabaphethe isikolo esaxhamlayo. Ingxelo ithi uPetroSA wachonga inkampani ezimeleyo eyahlola umsebenzi owenziweyo. Kuthiwa umgangatho womsebenzi wawuphantsi kakhulu.
Related Topics: