Ingakho imfazwe yobukhaya eMzantsi Afrika

Indlela uZuma abona ngayo izinto ngonyulo oludlulileyo iyaxhalabisa kuba iyafana naleyo yabangela imfazwe yobukhaya eMozambique. Umfanekiso: Doctor Ngcobo

Xa ukhangela indlela athetha ngayo uMongameli weMK Party uJacob Zuma esithi umbutho wakhe waluphumelela unyulo langoCanzibe kunyaka ophelileyo, utsho ubenamanwele wemfazwe yobukhaya.

Izimbo zakhe ngalo mcimbi zifana ncakasana nezo zenkokheli yombutho ophikisayo eMozambique uVenancio Mondlane.

Inkxaso kaZuma kunyulo olugqithileyo iphezulu, nangona abanye babo besazimele eqokobheni malunga nokuxhasa kwabo uZuma.

Ngaphambili uZuma uthembise ukuba uza kuza nobungqina bokuba ngenene uluphumelele unyulo lonyaka ophelileyo.

Indlela abona ngayo izinto malunga nolu lonyulo uZuma iyaxhalabisa kuba iyafana naleyo ibangele imfazwe yobukhaya eqhubayo phakathi kweFRELIMO noVenancio Mondlane eMozambique.

Xa ungena ngaphakathi ngemehlo kumbutho weMK Party, uzele oophuma silwe abaxhobe bafohlela belungele nokuba yintoni enokwenzeka.

Kwenye yeevidiyo zeMK Party, amadoda asibhozo axhobe afohlela aphethe oomatshini bemfazwe abazitshintshayo, ingoma yabo ithi ilizwe malibuyele kuZuma.

Ukungangeni kweMK Party kurhulumente wendibanisela yenye yeempawu zokuba ngenene uNxamalala upheka imbiza abantu.

Ukuba nezixhobo zemfazwe kwenziwa lula yimithetho elawula ubunikazi bezixhobo ezakuxaka eziquka imipu kweli.

Ukuphathwa esidlangalaleni kwezixhobo ezinobungozi kubonisa ukuba ngenene amalungu alo mbutho alindele nantoni.

Kukho amarhe angaqinisekiswanga okuba kukho uqeqesho oluqhutywa namalungu eMK Party kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe loMzantsi Afrika.

Xa engaliphumelelanga uZuma idabi lakhe apho athi iziphumo zonyulo azikho mthethweni, kuza kwenzeka ntoni?

Oku kuthetha ukuba uMzantsi Afrika sele unengxaki elindele ukuba yenzeke emva konyulo lukazwelonke olulandelayo kweli. Ukhangeleka ezixelele uZuma ukuba uza kuluphumelela unyulo oluzayo nanjengoko esithi uluphumelele olugqithileyo lukaCanzibe.

Le meko yiyo kanye ebangela imfazwe yobukhaya kwilizwe laseMozambique, uMondlane umile kwelokuba ayiphumelelanga lonyulo iFRELIMO.

ENamibia umbutho ophikisayo nawo uqhube uqhankqalazo usithi umbutho olawulayo awuluphumelelanga ulonyulo.

UZuma uqokelele kumbutho wakhe iqela lamadoda angamajoni weMK Party phantsi kweANC anganelisekanga yindlela aphethwe ngayo ngulo mbutho.

Kuthiwa ezinye zezixhobo ezihlala ziphethwe ngamalungu weMK Party zisuka kwilizwe laseMozambique kumbutho ophikisayo.

Khumbula ukuba ilizwe laseMozambique likhe lajijisana neqela leISIS ixesha elide, kwaye kwakukho iingxelo zokuba izixhobo zeISIS zithubeleza ngemida yeli loMzantsi Afrika ukungena eMozambique.