Utywala obuselwa ngendlela egqithisileyo bunemiphumelela emibi kakhulu kwiindawo zabantu abamnyama eMzantsi Afrika.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
"Uyaphela umbona egadini njengokuba ulibele ngamakhamba"! Le yingoma evunywa yimvumi ecula umasikhanda ekuthiwa nguNosiphiwo Potelwa wasezantsi eSajonisi. Ngale uzama ukuchukumisa izazela zabantu abazilibeleyo izinto ezibalulekileyo ngenxa yokuthinjwa kwabo butywala obugqibe iingqondo zabaninzi eMzantsi Afrika.
Njengokuba ilizwe lethu linengxaki yokunqaba kwemisebenzi okwenza abantu abaninzi bangabinayo ingeniso - kodwa ingxaki enkulu esijamelene nayo kukusetyenziswa kweziyobisi eziquka utywala ngendlela exhalabisayo.
Uphando laveza ukuba utywala buselwa ngendlela ephezulu kakhulu kweli lizwe. UMzantsi Afrika ngeke ndithi lilizwe elikhulu kakhulu ngoba unabantu abathe kratya kumashumi amathandathu ezigidi (62-million).
Kodwa unengxaki yabantu abasela utywala kakhulu. Iinkcukacha ezikhutshwe ziiArhente zehlabathi kwiminyaka edlulileyo zithi uMzantsi Afrika uphala phambili kwicala lokuselwa kotywala. Yingxaki enkulu le esijamelene nayo - kodwa esingade siqubisane nayo kakuhle. Utywala buyingxaki entlalweni yoluNtu ngoba bungumphembi wodushe elenzeka emakhaya nakwiindawo zentselo.
Ingxoxo ngotywala ayihambeli ndawo apha eManti Afrika ngoba iinkampani ezididiyela utywala ziye ziqhathe abantu ngelithi utywala bumpompa uqoqosho oluthi ludale imisebenzi. Ziyenza lo nto kuba zingayifuni ingxoxo eveza okubi okwenziwa butywala. Imisebenzi yona ikhona kumashishini otywala - kodwa yogqume ukufa kwesizwe. Abantu bayigqibela etywaleni imali yabo.
Kuselwa utywala ngabantu emva koko bafike baphathe kakubi oomama nabantwana emakhaya nekugquba kuwo indlala. Kwiindawo zabantu abamanyama, iinani leendawo zentselo logqitha izikolo, iindawo zokukhonza, amabala emidlalo namaziko ophuhliso. Ngamanye amazwi, iindawo ezinemfundiso zimbalwa ngoba abantu bafuthanyiselwe ziindawo ezithengisa utywala.
Kusela omdala nomncinane futhi akukho mntu onqanda omnye. Mhlawumbi ngesikhala kancinci ukuba bekungabulawa bantu kwiindawo zentselo ezikwa zizigqubo zeziyobisi. Abanye bethu ngebethetha bhetele ngotywala ukuba bebungaphembi impathombi ethe tshitshilili elizweni lonke.
Abantu ababulewe ezithaveni kweli lizwe kunyaka ophelileyo baninzi kakhulu. Into ebangela abantu basele kakhulu kukuba utywala bufumaneka lula futhi buyachewula. Abantu abasebenzayo nabangasebenziyo bachitha imali eninzi etywaleni, ngakumbi ngamaxesha eziyunguma. Kwakukhe kwabhetele ngokuya babukhe bavalwa utywala ngenxa yeKhorona.
Inani labantu ababhubhayo nabonzakeleyo ngenxa yeengxabano ezivela kwiindawo zentselo laliphantsi kakhulu. Eyona nto ebangela ndichukumise lo mba kukuba asikwazi ukuthetha ngezinto ezingakhulisa ilizwe. Abantu abasela utywala bathi bayonwaba - kodwa iingqondo zabo zishiyeka ziphazamisekile butywala obubenza bangakhathaleli izinto zokuhlala.
Bubi utywala ngoba basithathela abantwana abangaphezulu kwamashumi amabini Enyobeni ekwilokishi yaseMonti kwiminyaka edlulileyo. Kunanamhlanje, ayaziwa into eyayifakwe etywaleni ababuselayo ngomhla welishwa. Njengokuba siza kunikwa ithuba lokuxoxa iingxaki zethu apha eMzantsi Afrika, mna ndicela abantu ukuba bathethe ngokucuthwa kotywala okanye indlela obuthengiswa ngayo.
Ngumba ongeke uhoywe lula - kodwa oligqibayo ilizwe lethu. Alikho ilizwe elinenkqubela ekuselwa kulo utywala ngokugqithisileyo kwihlabathi. Makucuthwe iindawo zentselo kuguqulwe namaxesha ekuvulwa ngawo iithaveni. Akukho sizathu esibangela zivulwe imini nobusuku iithaveni. Mazivalwe ebusuku ukuze kusinde abantu abonzakalayo kubekhona nocwangco kwiindawo zokuhlala.
Masikhangele ezinye iindlela esingakhulisa ngazo uqoqosho ezingaxhasa ubomi bethu ezingenza singaxhomekeki etywaleni. Abathengisi botyalwa banomkhwa wokuxoka benza ngathi ilizwe lingafa xa kungathengiswa utywala, babe ngelo xesha bebeke phambili iipokotho zabo kunobomi babantu.
Ukusela utywala sisigqibo esihamba nelungelo lomntu ngamnye - kodwa imiphumela ichaphazela abantu abaninzi ngendlela embi. Asikwazi ukubukela iintsana zizibulala ngotywala siphinde sicinge ukuba uMzantsi Afrika unganekamva eliqaqambileyo. Uqoqosho ludinga abantu abanemizimba ephilileyo ngoba nentlalo yethu idinga iingqondo ezizinzileyo.