Izimvo

Kuphalele igazi ngokwaneleyo Rhulumente, makuphele ukutefiswa kwezigebenga ezingooNoteksi...

Pedro Mapelo|Published

Iikhombi zizithuthi zemigama emide nemifutshane elizweni lonke loMzantsi Afrika.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Eminyakeni emibini ilandelelana, ndiye kwiintlanganiso ezimbini ebezikhwetywe nguMphathiswa wesebe leZothutho kwiphondo leMpuma Koloni, uMnu. Xolile Nqatha. Iintlanganiso zaziphakathi kukaRhulumente neenkokeli zemibutho yoonoteksi ababulalanayo.

UNqatha wakhweba indibano emva kweziganeko zodushe ezenzeka eMthatha nakwiidolophi zaseMampondweni. Kwanyanzeleka ukuba kubekhona intlanganiso ekwabekwa etafileni iingxaki ngamacala onke alwayo kwishishini loonoteksi emva koko kwakhangelwa isisombululo sexesha elide. Baphuma ngobuninzi oonoteksi bexhobe befe amacala okwamajoni aya emfazweni ukuya kweza ntlanganiso.

Ngethamsanqa, amapolisa abatyhalela kude abaxhobileyo kwihotele yaseMonti ephezu kolwandle. Yaqhubela phambili intlanganiso futhi kwavanwa ngelithi makubekwe phantsi iintonga. Nangona ndingumntu okhule seyiphela inkqubo yengcinezelo eMzantsi Afrika - kodwa ndinalo ufifi lezinto ezaziyinkathazo ebantwini abamnyama.

Yingcinezelo eyokuqala, kulandele udushe loonoteksi. Ngonyaka ka1994, kwinyanga kaTshazimpuzi - ingcinezelo yangcwatywa eMzantsi Afrika ngomhla wolonyulo. Kodwa lona udushe loonoteksi zange liphele. Isimanga, abekho abantu abasentolongweni kodwa uRhulumente ukhona. Enyanisweni, kunjenje kukuthamba kwakhe uRhulumente.

Njengokuba kwicandelo lezothutho kukho iintlobo ezahlukeneyo zezithuthi, ushishino leeteksi lelona lisesezandleni zabantu abamnyama elizweni lonke. Imali ikhona ngoba abantu abaqikelelwa kwizigidi ezilushumi elinesihlanu baya emisebenzini nasezidolophini ngamateksi. Nakubeni uMzantsi Afrika ufince amashumi amathathu ananye eminyaka yenkululeko - kodwa kwishishino leeteksi sibala imiphefumlo emininzi elahlekayo unyaka nonyaka.

Ingxaki abanayo kukulwa okungenasiphelo ngenxa yeendlela abalayisha kuzo. Iintlanganiso ezibizwe nguNqatha kweli phondo azincedanga nto. Emva kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa eyipasisile ingxoxo yesizwe, owam umbono uthi makubekho imithetho ejongene noonoteksi kuphela. Igazi labantu baseMzantsi Afrika liphalele ngokwaneleyo.

Ukuba singabala oonoteksi nabantu ababulelwe emilweni yabo, kungasa phandle sibala. Akuphelelanga apho, xa kukho into abangayithandiyo, bavala iindlela kudaleke idemesha engathethekiyo kuqoqosho kume yonke into. Imibutho yoonoteksi inabantu abangazimiselanga ukuhlonela abantu nemithetho yelizwe.

Bacengwe ngokwaneleyo, lifikile ixesha lokuba kusetyenziswe umthetho ngoba wona ukhusela wonke umntu. Apha eMzantsi Afrika sikholose ngokuzixoxa iingxaki zethu - kodwa bona bakhetha ukubulalana nokuphatha kakubi abantu abantu abangenatyala nabakhuselwe ngumgaqosiseko. Iyaxaka into yabo ngoba baphatha kakubi abantu abaxhasa ushishino elityisa bona.

Ukubhangiswa kwemibutho kuyakhabana nomthetho welizwe ngoba umgaqosiseko ubanika ilungelo lokuzikhethela abantu - kodwa ndifuna ukuthi ebantwini baseMzantsi Afrika mabakhangele ezinye iindlela abangathuthwa ngazo ngoba oonoteksi basisihlava esibolisa ilizwe esifuna ukususwa ngokupheleleyo.

Kwiingxoxo eziza kubanjwa elizweni lethu kunyaka ozayo, masithetheni ngoonoteksi ababulalanayo, abaphatha kakubi abantu nabakhulisa ushishino lezigebenga ekuthiwa 'ziinkabi'. Zininzi izinto eziphucukileyo ezenziwe kweli lizwe ukusukela ngo1994 - kodwa bona babuya umva endaweni yokuya phambili.

Oonoteksi bayinxalenye yobomi bethu bamihla yonke. Endaweni yokuphatha abantu ngothando nentlonipho, bona bakhetha ukuba ngamajoni obubi. Lifikile ixesha lokukhangela iindlela ezintsha zothutho eMzantsi Afrika ezingaphungula ukuphalala kwegazi.

Kunyanzelekile ukuba kwandiswe iindlela zothutho esinazo ezifana nooBolt, Uber nezinye - kutsho kuphele into yonooteksi abacinga ukuba ukuthutha abantu 'lilungelo labo bodwa'. Abantu mabazikhethele into abafuna ukuhamba ngayo kanye ngendlela umgaqosiseko ogunyazisa ngayo.