Izimvo

Uhlile umgangatho weenkokeli eMzantsi Afrika

Siyabulela Mqikela|Published

Inqaku lezimvo malunga nomgangatho weenkokeli eMzantsi Afrika.

Image: News Team AI Lab

Umgangatho weenkokeli zelizwe ubonakala ngezinto ezininzi kodwa eyona iphambili zizigqibo neendlela ekuthathwa ngayo izigqibo. 

Iinkokheli zopolitiko eMzantsi Afrika zibonakalisa ukuba ngenene uhlile umgangatho nezinga lokukhokela kweli ukusukela emva konyaka ka1994. 

Xa ukhangela udidi lweenkokeli ezazijikeleza zisilwa apha nangaphandle kwelizwe loMzantsi Afrika, zazichubekile, zikwazi ukumela izinto nokuthatha izigqibo ngexesha nangendlela eyiyo. Ukuba zazingekho ezi nkokeli eli lizwe ngelingazanga lifike kwinkululeko yonyaka ka1994. 

Uninzi lwabo bebekhula ngelo xesha bebenqwenela ukufana okanye ukufuza ezo nkokeli ngenxa yokuba bezixakathe iimpawu ezifanele inkokeli. Ubukhokeli neenkokeli ezikhoyo ngoku zizisisithuko. 

Amadoda afana noJacob Zuma ayikho ngenene into abanokuyifundisa umntu omncinci kunabo onengqondo epheleleyo. Emva kokuphuma kwakhe kwisikhundla sokongamela iANC, zange ayeke ukulwa ekhangela indlela necebo lokubuyela kwisikhundla sokulawula kwiANC. 

Ngoku uqokelela abantu exoka esithi makudityaniswe imibutho yabantu abamnyama. Amadoda ahlonitshwayo nebekucingeleka ukuba achubekile afana noNjingalwazi Caesar Nongqunga athatha izigqibo ezothusayo zokuzibandakanya noZuma.

Xa ujonga iinkokeli ezifana noFloyd Shivambu, ubona amadoda alihlazo, ingakumbi ngokumayela nokuthatha izigqibo ngeempilo zabo ezingqongwe zezopolitiko. 

Izolo uShivambu ubize oonondaba, nebekukrokrelwa ukuba ebezakuthetha iimfihlelo zeMK Party okanye azise umbutho wakhe. Iyakude ibemingaphi imibutho kweli ukuze la madoda ayeke ukuseka imibutho yezopolitiko emitsha esoyiswa kukukhathalela iimfuno zabantu ngokunyanisekileyo.

UShivambu woyiswe kukuthetha inyani athe uza kuyithetha izolo ngexesha awayefika kwiMK Party, ingaba ulindele ukuba simthembe sisisizwe?

Usibonise ukungathembeki ngokuzimanya nombutho ixeshana elincinci kangaka kanti uza kujika ngenxa yokungaboni ngasonye. Ingaba ukhona umntu omtsha onokufunda kwiinkokeli zelizwe loMzantsi Afrika?