UFloyd Shivambu osusiweyo njengoNobhala Jikelele weMK Party.
Image: Tumi Pakkies
Ukusukela oko wathi waseka iEconomic Freedom Fighters (EFF) uFloyd Shivambu ekunye noJulius Malema, akazithethi iingxaki adibana nazo ezibonakala sele konakale.
Uchithe ixesha elide eyinkokeli yombutho weEFF kukhangeleka ngathi konke kuhamba kakuhle, kodwa ubonwe sele ephuma ngaphandle kwalo mbutho.
Ushiye abantu bengayazi ukuba bekutheni ukuze ashiye iEFF, kodwa kucaca ukuba akaphethekanga kakuhle ngugxa wakhe onguMalema. UMalema ungumfo ongathandi kukhuphisana namntu, othanda ukuba ngusomaqhuzu ohamba phambili yedwa.
Amalungu alo mbutho weEFF othuke kakhulu kukushiya kwakhe, amalungu ebelindele ukuba uShivambu uza kuchaza iingxaki ezibangele ukuba ashiye umbutho awawusungulayo.
Kodwa akazange akwenze konke oko, koko uzimanye neMK Party ngengathi akukho nto iqhubekileyo phakathi kwakhe noMalema ebangele ukuba ashiye.
Kusenjalo, kutshanje uShivambu uphinde wasisisulu sokuleqwa ziinkokeli zombutho weMK Party, ebesandula kuba lilungu layo waza wanikwa isikhundla sokuba nguNobhala Jikelele. Kuyavakala ukuba akakhange onwabe efika kulo mbutho ngenxa yobuhlanga obugquba kumbutho weMK Party ebonakala ukuba yinto yamaZulu.
Emva kokumzama, bengamfumani kwiMK Party ukuba bangamleqa ngantoni, bafumene into emva kokuba ethe wahambela inkonzo yoMprofethi ekuthiwa nguBushiri.
Kuthwa akukho mthethweni ukuya kwakhe kule ndoda engaziwa sisikhokelo sombutho. Inokuba kumele umntu achaze xa esiya kwicawe akholelwa kuyo xa elilungu leMK Party.
Ukususwa kwisikhundla sikaNobhala Jikelele wenziwe ilungu lePalamente elingenasikhundla sithile ePalamente kuthetha ukuba wehliselwe ngokwenqanaba ebekulo.
Oku kuyakhabana nendlela ayiyo kuba ungumfo ochubekileyo, ngoko akukho mntu unokuthi akawenzanga okanye akawenzi umsebenzi wakhe njengoNobhala Jikelele.
Akukho bani waziyo ukuba kuza kwenzeka ntoni kuye ngoku kuba kungenzeka ukuba uza kuphinda alandelwe ngezinye izityholo okanye utshutshiso eboniswa ukuba akafunwa kulo mbutho.
Kutheni engenakuthetha phandle ngendlela aphethwe ngayo kumbutho weMK Party, lo ngumntu onokuqashwa nokuba kuphi kuba ufunde ngokwaneleyo.
Oku kuthetha ukuba ilizwe loMzantsi Afrika liswele iinkokeli zenene ezinokukhokela eli lizwe kwixesha elizayo. Iinkokeli ezikwazi ukumelana nemiceli mngeni, zithethe phandle ngeengxaki ezihlangana nazo. Umbuzo uthi, ucenga ntoni uShivambu kwiinkokeli zemibutho yezopolitiko?