Izimvo

IZIMVO | Uyadelela uDonald Trump, kodwa likhona ithemba

Siyabulela Mqikela|Published

UMongameli uCyril Ramaphosa kunye noMongameli waseMelika uDonald Trump kwindibano ebilindelwe ngabomvu eWhite House eWashington DC.

Image: AFP

UNobhala Jikelele weANC uFikile Mbalula ukuqinisekisile ukuba nguMongameli waseMelika uDonald Trump ogunyazise ukuba uMongameli Cyril Ramaphosa eze namadoda athile kwintlanganiso yabo. 

Kwintlanganiso etsale umdla wamehlo wehlabathi, uMongameli Ramaphosa ungqine phambi kwehlabathi lonke ukuba ngenene nguTrump othe eze nala madoda. 

Lihlazo elikwiqondo eliphezulu ukuba uMongameli welinye ilizwe axelele omnye uMongameli ukuba makahambe nabani kwigqiza lakhe. 

Nangona likhona icala elihle ngokuhamba kukaRamaphosa namadoda afana noRetief Goosen, Ernie Els kwakunye nesityebi uJohann Rupert, kodwa ikhona indelelo. 

Kukudelela enye indoda ukuyixelela ukuba mayize nabani entlanganisweni, ungayiniki ithuba lokuba izithathele izigqibo ngegqiza layo.

Kodwa kwelinye icala, agalele kakuhle onke la madoda kwintlanganiso ebebeyizimase eWhite House eMelika. Esamkela eli gqiza, uTrump uqale ngokuqaphela amadoda aquka uRupert, Els kwakunye noGoosen engabonakalisi mdla okwanye ulwazi ngabaphathiswa abaquka uRonald Lamola, Khumbudzo Ntshavheni, Parks Tau kwakunye noJohn Steenhuisen. 

Likhona kwaye likhulu lona ithemba lokuba izinto ziza kubuyela esiqhelweni phakathi koMzantsi Afrika neMelika, ngokukodwa kwimicimbi yorhwebo noshishino.

Igalelo lamadoda aquka uEls libonise ukuzincama nokuthanda kwabo ilizwe labo xa becenga uMongameli waseMelika ukuba ancedise uMzantsi Afrika kwiingxaki zawo.

URupert ugxile kwiingxaki zaseNtshona Koloni zolwaphulomthetho olubangelwa ngamaqela ahlukeneyo.

Eli gqiza licenge libongoza iMelika ukuba lincedise uMzantsi Afrika ngamaqhinga namacebo okulwa ulwaphulomthetho ukuze kuliwe ulwaphulomthetho. 

Bayangqinelana oonkabi ukuba ingxaki yolwaphulomthetho iphazamisana nokukhula kwemeko yezoqoqosho eMzantsi Afrika. Ingxaki ephambili yorhulumente weANC kukulahla emgqomeni amava ebenokuncedisa ukukhula komsebenzi karhulumente. 

Umzekelo woku kukuba xa uqwalasela igqiza likarhulumente, noko ngabaphathiswa abanolwazi namava amancinci. URamaphosa ubashiye njani abantu abaninzi abamanava abaquka uJoel Netshitenzhe, Siphiwe Nyanda, Naledi Pandor nabanye abaninzi.

*Ezi ziimbono zombhali kwaye azimelanga ezo zeli phephandaba I’solezwe lesiXhosa.