'KuseAfrika apha, inoba ulibele'
Image: News Team AI Lab
Kukho ingxolo emalunga nokucula, ukuxhentsa nokonwaba okuthwa kugqithisile okwenziwa ngabafundi kwiiYunivesithi zeli loMzantsi Afrika xa bethwesa izidanga. Kaloku kweli laseAfrika xa konwatyiwe kuyaculwa, xa kuziliwe kuyaculwa – kuxhentswe nokuxhentsa ukubhiyozela into ethile eyonwabisayo.
Aziyonyani ezi ngxelo zithi akulunganga oku kucula nokuxhentsa okwenziwa ngaba bafundi. Emva kokusokola behamba nzima iminyaka emithathu nangaphezulu, aba bantwana banesizathu sokubonakalisa ulonwabo lwabo ngokucula.
Kumanye amazwekazi wehlabathi konwatywa ngeendlela ezihambelana nalo mazwe, kodwa thina apha ekhaya siyombela, siyagwija, sicule, sixhentse, sibile. Lifuthe lobuxoki baseNtshona obu benze ukuba umntu xa efunde le mfundo yaseNtshona kufuneka abengumfanekiso wezimbo, izithethe namasiko aseNtshona.
Eli futhe lide lenza bambi beli bacinge ukuba bangajika ngenye imini babe ngabelungu okanye abantu baseNtshona. Hayi, nyamezela kuseAfrika apha, inokuba ulibele ukuba uphi; siyombela, siyacula, siyagwija njalo njalo.
Mhlawumbi ngenye imini kuza kufuneka ukuba kuvulwe ingxoxo malunga nesinxibo esi sinxitywa xa kuthweswa izidanga, abantwana bavunyelwe ukuba banxibe abakuthandayo.
Khumbula kaloku ukuba ezi zinxibo nayo yonke le nto yaseNtshona yanyanzeliswa kubantu balapha, betshovwa ukuba babone zonke izinto zaseNtshona zilungile.
Mabacule, bombele, baxhentse abantwana ngoku – olu lonke luphawu lokuba sikhulisa abantwana abangqondo zikhululekileyo ezinganyanzelwa nganto.
Yinzolo yantoni leyo kakade kubhiyozelwa umsebenzi omkhulu kangaka owenziwe ngaba bantwana belamba bedinga konke ebekumele ukuba bayakufumana?
Abanye bathweswa izidanga abazali abebeqale nabo olu hambo sele babashiya ngenxa yezinto ezininzi. Abanye babhiyoza egameni lempumelelo yabo kwakunye noogxa babo abangakwazanga ukufika esiphelweni solu hambo.
Le yinyanga kaCanzibe yokukhumbula nokunika imbeko kwiinzame zabantu baseAfrika zokuqinisa ubuzwe babo ngeendlela zonke.
Asoze kubhiyozwe ngohlobo lwaseNtshona, apha kuseAfrika, khangela indawo ehambelana nalo nzolo yakho urhalela ukuyibona.
Kutshanje uMongameli welizwe laseBurkina Faso uIbrahim Traoré uphelise isinxibo seeJaji ezinkundleni zela lizwe. IJaji, ooMantyi namanye amagosa kwela lizwe babedla ngokunxiba imidiyadiya yeelokhwe ezinde, entloko bethwala usinga wonwele olubonisa imikhuba yaseNtshona.
Hamba gwala ndini, siza kombela thina, sixhentse, sityityimbe siphethe amagqudu, iintonga, amaqakathi nezinye. Kumbula ke ukuba kuseAfrika apha, wena nje usenokuba ulibele ukuba uphi.