Izimvo

Abantu baseMonti bayinike imbeko eyifaneleyo iMamelodi Sundowns!

Pedro Mapelo|Published

Abadlali beMamelodi Sundowns bejonga imifanekiso yabo kwikhamera yomfoti, uYanga Nothanga.

Image: Pedro Mapelo

Kungene umyalezo kuWhatsApp emxebeni wam ekuseni izolo. 'Ifowuni iza (HONOR 400 Lite) kuziswa kuwe namhlanje," utshilo umyalezo obhaliweyo. Besekuntsuku ndiyilindele. Ukufika kwayo kuqinise isicwangciso sam ngoba kungqamene nokuya kwam emdlalweni omkhulu weBetway Premiership obuphakathi kweChippa United neMamelodi Sundowns.

Bekuzole nasebukhweni bezinja - yimozulu ebilungele umdlalo kanye leyo eMonti enabantu. Bekufanele ukuba udlalelwe eGqeberha - kodwa uMnu. Siviwe Mpengesi uwuzise eMonti kuba kukho enye into eNelson Mandela Bay Stadium.

Emva kwentsimbi yesihlanu emalanga ndithe chu ukuya eBuffalo City Stadium ndisazi ukuba abantu baseMpuma Koloni baza kukhahlela iintshatsheli zeBetway Premiership. Amasandawana aze eMonti edinga inqaku elinye abe ziintshatsheli.

Njengombhali wezemidlalo, I'solezwe lesiXhosa lalikhona njengengqina ngemini ekwakuthwaliswa ngayo iKaizer Chiefs njengeentshatsheli eGqeberha ngonyaka ka2015. Ngunyaka abagqibela ukuncuma abalandeli beChiefs kwade kwayiveki ephelileyo emva kokubetha iPirates emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup.

Bekukuhle kakhulu ukubona iBuffalo City Stadium igcwele abalandeli abanike iSundowns intlonipho eyifaneleyo emva kokuyiphakamisa indebe yeBetway Premiership okwesibhozo iminyaka ilandelelana. Ifikile iHONOR 400 Lite iziswe yinkampani yeepasela. Ndikhawuleze ndayitshajisa ngoba bendilungiselela ukusebenzisa yona emdlalweni wayizolo.

Njengokuba izinto ziguquka ngenxa yobuchwephesha obutsha, nathi kumajelo eendaba asimanga ndawonye. Kule mihla uyakwazi ukwenza wonke umsebenzi wakho uwugqibe ngefowuni. Ngethamsanqa, iHONOR 400 Lite ibisisixhobo sam sosuku esithembekileyo izolo. Indincede kakhulu kwicala lemifanekiso neevidiyo. Ndifumene imifanekiso ecace ngca futhi enomtsalane.

Bendiqala ukusebenzisa ifowuni kaHONOR ebomini bam. Into endiyithanda kwiHONOR 400 Lite kukuba ibambeka kakuhle, ilula futhi ibetri layo liyahlala. Ngaphandle kwekhamera ethatha imifanekiso emihle, iHONOR iyakhawuleza futhi inazo zonke iiApp futhi inaye uPlay Store noGoogle.

Emva kokuba iSundowns ibethe iChippa ngamagowuli amathathu eqandeni, ndiye ndashicilela imbali eyenzeke eMonti okokuqala embalini yebhola ekhatywayo ngeHONOR 400 Lite eyenze umsebenzi wam walula kakhulu. Le yifowuni abanokubalisa ngayo ubomi babo abantu neendawo zabo ngakumbi kumakhasi onxibelelwano afana nooFacebook, X, Instagram noTikTok.