Izimvo

Amanina aza kunikwa nini ithuba ngamaRoma?

Siyabulela Mqikela|Published

Ngaba abafazi banokuze banikwe ithuba lokungena kwisikhundla sikaPope kwicawa yamaRoma Katolika?

Image: Michael Kappeler/EPA

Kuthwa ukusukela ngeminyaka yoo1400 akuzange kubekho mntu wasetyhini owakhe waphatha kwinkolo yamaRoma kwisikhundla esiphezulu esiquka eso sePope. 

Amaxesha amaninzi amadoda akhokela eli bandla athetha ngathi ayakhathala ngeengxaki zehlabathi eziquka amalungelo abantu, kodwa amanina awakhokeli kweli bandla. 

Ngaphandle koko, intshumayelo nomgomo wokholo lwabantu bale nkonzo uthetha ngoMariya, unina kaYesu, kodwa kunjalo azange ibekho iPope engumntu wasetyhini. Ingaba le nkonzo ize ukulahlekisa ihlabathi okanye ithetha inyaniso ekhoyo ebantwini behlabathi? 

Amadoda wale nkonzo akhokela engatshatanga, kwelinye icala, kukwakho amanina akhokela aphele kwinqanaba elithile engatshatanga. Umbuzo ngowokuba ke, yintoni kanye injongo yobuRoma, yinyaniso okanye lulahlekiso kusinina?

Kukho nezityholo zokuba le nkonzo ikhuthaza ukuthandana kwabantu besini esinye nekubangela ingxokolo emandla kwihlabathi. Le ndoda isandula kutyunjwa, uPope Leo XIV, kuthwa utyunjwe ngenxa yokuba eneenjongo zokuqhubela phambili iimbono zikaPope Francis.

UPope Francis ebememelela ukuba kunikwe amanina ithuba lokuba athanjiswe nawo kwizikhundla eziphezulu. Lo ngumbono ekukudala ukhona koko udinga ubani wokuwumela kwinkonzo yamaRoma ukusukela ngemihla yakudala. 

Enye yeenjongo zikaPope Francis ibikukukhulisa intatho nxaxheba yabantu abathandana besini sinye kwiinkqubo zenkonzo yamaRoma ngokubanzi. 

Eqala ukuthetha namalungu enkonzo yakhe, uPope Leo XIV umemelele uxolo kwihlabathi nesele kuyinto eqhelekileyo kumadoda akhokele eli bandla laseRoma.

Ukusukela ngexesha likaPontius Pilate, inkolo yamaRoma isebenzise ubunganga bayo bezimali ukugalele izimvo zayo kuninzi lwabantu behlabathi. 

Kuba le nkonzo kuthwe inabantu abakwiibhiliyoni kwihlabathi, oko bubungqina bokuba ngenene imali yabo iyakwazi ukushumayela iinjongo zabo.

UPope omtsha uPope Leo XIV kumele ukuba aqinisekise ukwenza utshintsho ingakumbi ngokumayela nokunikwa kwamanina ithuba elicacileyo kulawulo le nkonzo yamaRoma ngokubanzi. Kaloku ihlabathi sele lilawula ngokwentando yesininzi, ngoko nayo inkonzo yamaRoma kumele ukuba yenze njalo.

*Ezi ziimbono zombhali kwaye azimelanga ezo zeli phephandaba I’solezwe lesiXhosa.