Izimvo

Nkosi sikelela uIbrahim Traoré

Siyabulela Mqikela|Published

UMongameli waseBurkina Faso uIbrahim Traoré.

Image: Same Passage

UIbrahim Traoré nguMongameli welizwe laseBurkina Faso oneminyaka emibini kuphela elawula kwela lizwe, kodwa sele enze izinto ezininzi ukuguqula impilo yabantu belizwe lakhe. 

Kutshanje uTraoré wenze into engenakwenziwa ngamanye amadoda angooMongameli kweli laseAfrika. 

Ngelizama ukuphucula impilo yabantu belizwe lakhe, uIbrahim Traoré unyuse imirholo yabasebenzi bakarhulumente ngomyinge wamashumi amahlanu eepesenti ekhulwini. 

Oku ukwenze ngokuthi aphungule imirholo yamalungu ePalamente yakhe ngomyinge wamashumi amathathu eepesenti ekhulwini. Ngenxa yokuba amajelo eendaba amaninzi eAfrika elawulwa zizimvo zaseNtshona naseYurophu, kunqabile ukuva ngomsebenzi wale ndoda. 

Kwesi sithuba seminyaka emibini elawula, uTraoré ukwazile ukunyusa imali ngeniso (GDP) yelizwe lakhe ukusuka kwishumi elinesibhozo leebhiliyoni ukuya kumashumi amabini anesibini eebhiliyoni ngonyaka.

Izimvo zakhe zezopolitiko zihambelana ncakasana nezo zamadoda afana noThomas Sankara, Muammar Gaddafi nabanye abaninzi. UnguMongameli wokuqala eAfrika ukwala uncedo oluvela kumbutho okhobokisa abantu behlabathi ngokubaboleka imali yeIMF kwakunye neWorld Bank.

"Ilizwekazi laseAfrika alidingi ncedo lweIMF, World Bank, amazwe aseYurophu kwaneMelika kakade," kutsho uTraoré. 

Lo Mongameli oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ukuphelisile ukuphuma kwezimbiwa zaseBurkina Faso zithunyelwa kumazwe angaphandle kwela lizwe aquka iMelika.

Iimveliso zomqaphu waseBurkina Faso nawo ulinywa kwela lizwe uze usetyenzwe ukuvelisa ezinye iimveliso kwakwela lizwe laseBurkina Faso. Ukuphelisile ukunxitywa kweewigi ngamagosa ezobulungisa kuquka neegawuni ezinxitywa ezinkundleni kwela lizwe. 

Ngenxa yeenzame zakhe zokukhulisa ezolimo, imveliso yombona eBurkina Faso inyuke ukusuka kwiitoni ezingamakhulu alithoba amawaka ukuya kwisigidi seetoni. Uphelise iinkqubo ezininzi zorhulumente welizwe laseFransi kuquka nezo zomkhosi waseFransi.

Urhulumente wakhe uxakeke kukwakha iindlela ezintsha ngokuthenga izixhobo zokusebenza kumazwe aseAfrika. UTraoré uzanywe ukubulawa izihlandlo ezilishumi elinesibhozo, kodwa esinda kuzo zonke ezo zihlandlo.

*Ezi ziimbono zombhali kwaye azimelanga ezo zeli phephandaba I’solezwe lesiXhosa.