• Iindaba
  • Ezemidlalo
  • Ezoyolo
  • Izimvo
  • Entsimini
  • Entsimini English
  • English
I'solezwe lesiXhosa
I'solezwe lesiXhosa liphephandaba lesiXhosa elipapasha iindaba yonke imihla kumnatha wonxibelelwano. Singooqal'azive abahleli bebaze iindlebe ngeenjongo zokuphakela wena, mfundi wephepha, iindaba ngokukhawuleza nangobunjalo bazo.
Sections on Isolezwe lesiXhosa
  • Iindaba
  • Ezemidlalo
  • Ezoyolo
  • Izimvo
  • Entsimini
  • Entsimini English
  • English
Our network
  • Athlone News
  • Atlantic Sun
  • Bolander
  • CapeTowner
  • Constantiaberg Bulletin
  • DFA
  • False Bay Echo
  • I'solezwe lesiXhosa
  • Northern News
  • Plainsman
  • Sentinel News
  • Southern Mail
  • Southern Suburbs Tatler
  • TableTalk
  • Vukani
  • DurbanLocal
© 2025 Independent Online and affiliated companies. All rights reserved.
Press CodePrivacy PolicyTerms & ConditionsAdvertise with usContact UsComplaints Procedure
Izimvo

IZIMVO | Make kuphathe umntu omhlophe ngoku

Siyabulela Mqikela|Published 2 days ago

Lo mbhali uvakalisa izimvo zakhe ngelithi ufuna ukubona abantu abamhlophe benikwa ithuba lokulawula uMzantsi Afrika kweli xesha lentando yesininzi.

Image: NewsTeam AI Lab

Ngenxa yokuxokiswa nokugrogriswa yonke imihla yokuphila kwabantu beli, abantu bayoyika ukuthetha into efana nokuba kumele ukuba ke kunikwe umntu omhlophe alawule ilizwe. 

Ngaphambili konyaka ka1994, abantu abamhlophe babechazwa njengabantu abazizikhohlakali ezingenakuphinde zinikwe ithuba lokulawula. 

Oku kwakungenxa yezinto ezazenzeke ngexesha lobandlululo. Kodwa kule minyaka ingamashumi amathathu wokuphatha komntu omnyama kweli, ziyafana okanye zingaphezulu izenzo zenkohlakalo ezenziwe ngabantu abamnyama abaphethe eli lizwe. 

Oku kuthetha ukuba ukulawula kakuhle okanye ukuphathwa kakuhle kwabantu akunanto yokwenza nebala. Abantu bangaphathwa kabuhlungu nangumntu onebala elifana nelabo. 

Upolitiko olu kumele ukuba lungagxili kwimbali kuphela, koko kumele ukuba lugxile nakwizinto ezenzeka ngoku kuphilwayo. Makunikwe umntu omhlophe ngabavoti ithuba lokuba basibonise ukuba bangalawula njani xa kunokususwa la madoda amnyama.

Ingxoxo entsha ithi abantu abamhlophe bayokuthetha uboxoki ngoMzantsi Afrika eMelika, hayi asiyonyani leyo, asingabo bonke abantu abamhlophe abangakuthandiyo ukuhlala kweli lizwe. 

Ukusilela kweenkonzo zikarhulumente, ulwaphulomthetho, urhwaphilizo nokutshatyalaliswa kweenkampani zikarhulumente luphawu lokuba amadoda amnyama ngebala oyisiwe kukulawula.

Xa ukhangela nakwimibutho emitsha evelayo efana neMK Party ithemba lincinci lokuba kukho into ebhadlileyo eza kwenzelwa abantu. Koko ufumana indibanisela yabantu abakhangela indlela yokondla izisu zabo. 

Lixesha lokuba abantu beli, ingakumbi abamnyama, bayeke ukoyikiswa nokuxokiswa ngelithi abantu abamhlophe bangcolile, hayi bangcolile nabamnyama, kwaye bangcole ngoku sithethayo. Iinkokheli ezinkulu zikarhulumente ayikho nenye ekhe iphume ingalandelwanga zizityholo zokuzithathela imali yabantu. 

UJacob Zuma ngoku sithethayo ujikeleza ehamba esithi uza kumanyanisa abantu abamnyama, kwelinye icala iANC nayo isafuna elinye ithuba lokuqhubela phambili ingcinezelo yabantu abamnyama. Ingxaki yabaphathi abamnyama bubu athalala bokungakwazi ukuphatha, okuye kuvule ithuba lokuba kukhule ubusela.

Phantsi kolawulo lwabantu abamnyama, kwaphela iiposi ezazinceda abantu basezilalini, oololiwe nezinye izinto ezitshabalele ngenxa yokubiwa ngabantu abasafuna ukunikwa elinye ithuba.

Make kunikwe umntu omhlophe aphathe ukuze sibone ukuba angasiphatha njani, umzekelo inganguHelen Zille ngokuba baninzi abantu abamnyama abamthandayo uZille. Oku kuvota kusekelezelwe kwimbali engancedi nto kubangela ingxaki nengcinezelo. 

Izibhedlele ezininzi apha eMpuma Koloni azinamachiza, umbane, amanzi, ukutya neebhedi zokulalisa izigulana. Hayi make kunikwe umntu omhlophe aphathe eli lizwe, ukuphungulwa kwamandla olawulo lweANC liphawulo oluhle olubonisa ukuba abantu bakruqukile yimbali.

*Ezi ziimbono zombhali kwaye azimelanga ezo zeli phephandaba I’solezwe lesiXhosa.