Kuphethe uSathana eMzantsi Afrika.
Image: iStock
Abantu benkolo yobuKristu bakholelwa ukuba kuyakubakho ixesha apho ihlabathi liyakuphathwa ngusathana ekutyholwa ukuba unemisebenzi emdaka ekhohlakeleyo.
La magqobhoka asecaweni athetha oku ebalula iincwadi ezithile ezingqinela okokuba kukho ixesha apho iyakuba iphethe le ndoda ekuthwa inomsila.
Xa ukhangela iziganeko ezimayela nezopolitiko, ulwaphulomthetho nezobulungisa ukhawuleza utsho okanye ungqine okokuba kuphethe usathana kweli lizwe.
Isiganeko sakutsha nje sokukhululwa komfundisi oyinzalelwane yelizwe laseNigeria umfundisi uTimothy Omotoso, ekhululwa kwizityholo zodlwengula amantombazana enkonzweni yakhe bubungqina bokuba abukho ubulungisa.
Ndibe nendyweba yokuncokola namantombazana akhe adlwengulwa de akhulelwa ngenxa yomfundi othile kweli leMpuma Koloni,kodwa lo mfundisi usaqhubeka nokuxhaphaza amantombazana kuba uyoyikwa okanye kuba kuphethe usathana eMzantsi Afrika.
Lo mfundisi uzinze eDutywa eMpuma Koloni, kwaye usaqhubeka nokuzenza umthunywa kaThixo kodwa uyazazi ukuba uyaxoka. Ibanjwa eligwetyiweyo lisebenze nzima liququzelela ukubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo eNgobobozane eLusikisiki.
Konke oku kwenzeka kwilizwe elinento ekuthwa ngumgaqo siseko ongcono, kuthwa kukho ubulungisa, kuthwa kulawulwa ngomthetho. Kukwakweli lizwe apho ibanjwa eligwetyiweyo elakhe lakwazi ukuphuma lisidla ubomi liphinde libuyele entolongweni xa lithanda.
Eli banjwa lalibanjwe ngezityholo zokubulala, ukudlwengula nezinye. Ngaphandle kokuba lalonwabe liphuma lingena enkundleni likwazile ukuququzelela ukubulawa komntu.
Kuphethe usathana ngenene kweli lizwe kuba ibanjwa liyakwazi ukukhutshwa entolongweni liyekubulala abantu liphinde lingene ngaphakathi lihlawulwe imali enkulu.
Kweli lizwe uyadlwengulwa umntwana oneminyaka esixhenxe kodwa kuthiwe akukho mntu ufumanekayo odlwengule umntwana. ELusikisiki apha eMpuma Koloni kulahleke abantwana abane benkosikazi enye, kude kwangoku abakafunyanwa kwaye alikho ithemba lokufumaneka kwabo.
UJoslin Smith waseSaldanha Bay eKapa walahleka akakaziwa nanamhlanje ukuba wayaphi, hayi kuphethe usathana ngenene kweli lizwe. Kwamanye amazwe akulalwa ngabezomthetho xa kulahleke umntu, ingakumbi umntwana omncinci njengoJoslin Smith.