Uhleka ntoni msasazi?
Image: iStock
Ngokweengcali nezazi zosasazo, unomathotholo umi ngeentsika ezintathu eziquka, ulwazi, ulonwabo nokufundisa. Oku kwenza ukuba lonke ulwazi nemfundiso enikwa abo bafundela ukusasaza ijikeleze ezi ntsika zintathu.
Kodwa eMzantsi Afrika kule mihla unomathotholo uzele uyaphuphuma yintsini esuka kwaba basasazi, ingekuko ukuba isuka kubaphulaphuli. Umbuzo omiyo ngowokuba ngubani omele uhlekisa omnye apha kukho umsasazi nomphulaphuli. Okanye umsasazi lo uthetha azihleke kwayena na?
Inene ke siyabuza ukuba uhleka ntoni umsasazi, le nto umsasazi angenakunika abaphulaphuli inyoba yokuba izinto azithethayo zihlekwe ngabaphulaphuli. Kaloku umsebenzi womsasazi kukufundisa, ukonwabisa (uhlekisa abaphulaphuli) nokunikisa ngolwazi kubaphulaphuli bakhe. Unomathotholo wale mihla uzele abasasazi abagcina abaphulaphuli iiyure ezintathu ngokuba bona behleka. Kule meko ufumanisa ukuba kuncinci ukuhleka okusuka kubaphulaphuli.
Unomathotholo usungulwe kwihlabathi ngonyaka ka1906, waza waqala ukubakhona kweli loMzantsi Afrika ngo1923, injongo ikukufundisa, ukonwabisa nokunikisa ngolwazi. Maxa wambi ude ucinge ukuba umsasazi wenzela ukugcina abaphulaphuli bakhe behleli naye, okanye wenziwa kukuba engenanto yakuthetha.
Umntu wokuqala ukuhleka into ethethwa ngumsasazi ngumphulaphuli, asikuko ukuba umsasazi uqale azihleke into ayithethayo. Oku kwenza ukuba kwezi ntsika zintathu kubekho ehamba phambili kunezinye ngokuthi yenziwe ngokongaphezu kwezinye. Ngoko kumele ukuba abaphathi bamaziko anaso esi sifo basebenze nzima ukuqeqesha abasasazi ukuze bazi ukuba akumele ukuba kuhleka umsasazi, koko kumele ukuba kuhlekiswa abaphulaphuli.
Esi sifo sifumaneka nakumajelo amancinci asekuhlaleni, abasasazi abasaqalayo benza oku kuhleka becinga ukuba yeyona nto kumele ukuba iyenzeka kunomathotholo. Kulula kubasasazi ukuba omnye athathe into ayibona isenziwa ngomnye, ngoko masilumkele ukulahlekisana ngezinto ezingenamsebenzi. Makuhlekiswe abaphulaphuli ngokuthi umsasazi athethe into leyo ibangela ukuba umphulaphuli ahleke, kungathethi umsasazi kuphinde kuhleke umsasazi.
Wona mhle kakhulu umsebenzi owenziwa ngamaziko osasazo amancinci namakhulu kule mihla xa uthelekisa namaxesha angaphambili. Kodwa masincedwe kuthotywe izinga lokuhleka, kunyuswe izinga lokuhlekiswa kwabaphulaphuli. Iingcali zosasazo zithi ukuhlekiswa kwabaphulaphuli ngumsasazi kunenzuzo yezempilo, kaloku abantu bahlala benoxinzelelo olumandla ngenxa yeengxaki.