UZavela Makwabe nencwadi yakhe.
Eli liqhalo elidala kwaXhosa elithetha ukuba umntu akanqandwa xa esenza into yakhe ngeenjongo ezithile.
Oku kudla ngokuthethwa kumntu onenkani ongavumi kumamela abanye abantu esenza okuthandwa nguye. Umbhali uZavela Makwabe ubhale incwadi yomdlalo weqonga esihloko sithi Oxhel’eyakhe akabuzwa.
Kuyo ubonisa iingxaki zokuxhatshazwa kwamanina nabantwana okusele kulizothe elambethe intlalo.
Ukubhalwa kolwimi ngabantu abazelwe ngamaxesha ahlukeneyo kwenza ukuba ulwimi olo luhlale lukhuselekile, lugcinwe ixesha elide.
Umbhali uZavela Makwabe yinzalelwane yaseKoloni kwilali zaseQonce kufutshane nomlambo iTyume – iTyume elivelise izifundiswa lada layakuphumela kwaBulawayo. Umxholo webali ujikeleze indoda egama linguDuma kwakunye nenkosikazi yayo uZoleka belali yakwaPita.
Oku kwenza ke ukuba uDuma lo abengumdlali ophambili webali exhaswa okanye ehamba nenkosikazi yakhe kobu bomi bokuxhel’eyakhe engabuzwa.
Uthi uMakwabe ukubethwa kukaZoleka ngumyeni wakhe bekuyinto ejongwe nje ngabahlali bale ndawo, bekungekho ufuna ukunqanda koko bebesuke bahlale nale meko.
Amaxhoba amaninzi okuxhatshazwa emakhaya awakhuseleki ngenxa yokuba kungekho bani ukwaziyo ukungenelela, abantu bayabukela de kuphume isidumbu.
Kaloku oxhel’eyakhe akabuzwa nokuba wenza into engeyiyo, kodwa kwelinye icala ke oku kubonisa ukungakhathali, nokungathandani kubahlali.
“Eli bali liphakamisa umbuzo wokuba siwubekaphi umda ekungeneleleni kwimiba yangasese yabanye abantu,” uthethe watsho uMakwabe.
IMpuma Koloni ichazwa ukuba ikho kumaphondo ahamba phambili ngokwaphula umthetho, ingxaki yobundlobongela basemakhaya bunegalelo eliphezulu.
“Eli bali likwaqaqambisa indima yotywala ekudilizeni imvisiswano nobudlelwane kwiintsapho nezihlobo,” kucacisa uMakwabe.
Uthi ibali eliqulethwe kwincwadi yakhe ethi Oxhel’eyakhe akabuzwa ligxininisa nangakumbi ubundlobongela ngokwemvakalelo nangokwasengqondweni.
“Lo mdlalo ndawubhala emva kokufunda intetho eyenziwa nguMphathiswa weSebe lezemidlalo nenkcubeko kunyaka mali u2023/2024, le ntetho yayimalunga nomgaqo-nkqubo ongokusebenzisana ekuhlaleni,” utsho uMakwabe.
Oku kufundisa ukuba amanye amaqhalo awasafanelekanga entlaweni kuba iimeko azisafani nangaphambili, akakho onokuyekwa exhel’eyakhe esenzakalisa abanye.
Related Topics: