Ngumbutho waseKZN iMK Party.
Iziganeko ezingqonge uNobhala Jikelele weMK Party, uFloyd Shivambu zibonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba lo mbutho yinto yabantu baseKZN kuphela.
Kuyacaca ukuba akukho bani ophuma kwelinye iphondo uyakuze amkeleke kwiMK Party, ingakumbi oza ephethe amava kwakunye nolwazi oluthile.
Oyintombi kaMongameli walo umbutho uJacob Zuma, uDuduzile Zuma-Sambudla, uqale iyelenqe lokusukela uShivambu ngezityholo eziquka ukuba akakwazi ukwenza nto iphumelele.
Uqhubeke wamtyhola ngokuba woyiswa kukulungiselela umcimbi weKrisimesi walo mbutho kwiphondo laseLimpopo.
Xa ukhangela kwimifanekiso ejikelezayo, ngenene akukho bani uyakuze obonwa kwiMK Party ukuba akasuki kwiphondo laseKZN. Zininzi iinkokheli ezikulo mbutho ezingena msebenzi ucacayo, kodwa bakubona kufanelekile ukuba batsibele uShivambu.
Ezi zityholo ziquka ukuba uShivambu wancedwa nguPenny Penny ukuze umcimbi wabo waseLimpopo uphumelele, kwakumele ukuba kunjalo kakade.
Imibutho yangoku isekelezelwa kwimeko yokungathembani, ukukrokrelana ngezinto ezingekhoyo nokuthetha ubuxoki ngeenjongo zokugxotha othile.
Azinakuba ziyinyani iingxelo zokuba uShivambu akakwazi kwenza umsebenzi wakhe nanjengoko esitsho uZuma-Sambudla. UShivambu yindoda esungule umbutho we'EFF kanye ngohlobo olufanayo nendlela esungulwe ngayo iMK Party.
Izonyeliso zokuba uShivambu nguMafikizolo zisekelezelwe kulwazi oluncinci kuba wonke ubani uyafika kwiMP Party. Oku kuza kuphazamisa ukusebenzisana okukhoyo phakathi kukaMongameli weMK Party uZuma kwakunye noNobhala wakhe uShivambu.
UZuma yindoda echubeke kakhulu eyayixake urhulumente wamabhulu ngexesha lobandlululo ngenxa yokuchubeka kwayo. Iinkokheli ezifana noGwede Mantashe weANC sele ziqalile ukuhlekisa ngale ngxaki zimemelela ukuba uShivambu aphume kwiMK Party.
Oku kuthetha ukuba esi sisiqalo sengxaki enokuba nzulu ngaphakathi kwiMK Party, kwaye ziza kuba mathidala ezinye iinkokheli ukuzimanya neMK Party zibukela indlela abaphathana ngayo abantu abakhokele iMK Party.
* Ezi zizimvo zombhali kwaye ayizizo ezephephandaba I’solezwe lesiXhosa.
Related Topics: