UAndiswa Mengo noSelby Mbenenge oyiJaji eyintloko kweli phondo leMpuma Koloni.
UMzantsi Afrika lilizwe lenkululeko, nalapho wonke ubani exhamla kumalungelo aze nale nkululeko. Ukanti akukho mntu unetyala kweli lizwe de inkundla ikufumanise unalo okanye umsulwa kwizityholo obekwa zona.
Uqala nje unyaka ka2025, ezindabeni silandela ityala likaAndiswa Mengo kunye neJaji eyintloko kweli phondo leMpuma Koloni, uSelby Mbenenge.
Kusisankxwe ke kumakhasi onxibelelwano, abanye bangakwicala leJaji, abanye kwicala likaMengo. Ewe ubungqina siyabuva sonke obubekwayo, nalapho ummangali isenguye ohlatywa ngemibuzo ngamagqwetha ommangalelwa.
Kwaye njengabantu beli lizwe ndicinga ukuba ayingomsebenzi wethu ukugweba kweli tyala, koko bobeenkcubabuchopho eziwuchopheleyo lo mba.
Ewe, mininzi imibuzo apho uninzi lusithi, ebethuleleni ixesha elingaka, bekutheni angavele angamphenduli xa embhalela okanye ambloke? Ukanti zikwaninzi nezinto ezithethwayo nalapho uMengo etyabekwa ngamagama luluntu loMzantsi Afrika kumakhasi onxibelelwano, nditsho nkqu namanina.
Kodwa owam umnqa, ngowokuba aphi na amanina emibutho la siqhele ukuwabona kumatyala akumila kunje exhasa owasetyhini, iphi na imibutho elwela amalungelo okuhlukunyezwa nokuphathwa gadala kwabasetyhini, kutheni na uMzantsi Afrika wathi cwaka olu hlobo kweli ityeli, ingakumbi amanina?
Ewe singabantu sinelungelo lokuxhasa naye nabani na enkundleni ngaphandle kokoyika ukugxekwa. Kodwa noko kunjalo usamile owam umbuzo othi aphi na amanina, kutheni na uMengo akabinamntu omxhasayo kwimibutho yabasetyhini kweli loMzantsi Afrika?
Ingaba ukuthula kwemibutho yamanina kuthetha ntoni na?
Andinalwazi kwicala lezomthetho ngako oko andingeke ndiphawule ngetyala. Inye nje into endenzela umnqa futhi nendizibuza yona mihla le, athuleleni amanina oMzantsi Afrika.
Xa amanina afana noMengo engaxhaswa yimibutho yabasetyhini, ingaba likhona na ithemba lokuba abo bangaphathekanga kakuhle kwiindawo abaphangela kuzo, bangaze bakwazi ukufaka amatyala akumila kunje ukuya phambili?
Ingaba ngale meko kaMengo sibafundisa ntoni abantwana abaqalayo ukuphangela, ingaba sibakhuthaza ukuba bafe nayo na imicimbi ekumila kunje xa bezibona begaxeleka kuyo kwiindawo zempangelo?
Nakuba ndingenzanga phando ngalo mba, kodwa ndinaso isikrokro esithi bakhona abathuleyo nabahlangabezana nale meko kaMengo kwiindawo ezahlukeneyo abaphangela kuzo. Umbuzo ngowokuba bathule ngoba besoyika ukuphulukana nesonka sabo na, okanye kuba besoyika ukuba ngundaba-mlonyeni?
Kanti la ntetho ithi, “Wathinta abafazi wathinta imbokodo,” ihamba iphelele phi? Ingaba isetyenziswa kuphela kula nyanga yokubhiyozela usuku lwamakhosikazi kuphela, iWomen’s Day ngolwasemzini?
UAndiswa Mengo ngumntwana womntu, naye uyayidinga inkxaso esiqhele ukuyibona kwamanye amanina agqitha kwiimeko ezikumila kunje. Yena akaxhaswa ngoba kutheni, kudingeka abe ngusaziwayo na ukuze amanina emibutho kweli lizwe ahambele phezulu abonakalise inkxaso ngakuye?
Ziphi iimbokodo zeli lizwe, nalapho naye uMengo eza kufumana amandla kukubona nokuva ukuba ngokwenene “Wathint’ abafazi, wathint’ iimbokodo.”
Inimba mayibenye bafazi!
Related Topics: