Izimvo

Kuthiwa nguThixo otshise eLos Angeles

Siyabulela Mqikela|Published

Umlilo otshisa iphondo laseCalifornia eMelika.

Yinto eqhelekileyo ukuba abantu babenezimvo ezahlukeneyo ngeziganeko ezithile ezithi zenzeke entlalweni.

Kwintlekele yomlilo obhuqa eyona ndawo ihlala izityebi zehlabathi, iCalifornia, kukho abakholelwa ukuba batshiswa nguThixo ngenxa yokungathobeli imithetho yakhe.

Le ngingqi itshileyo eMelika iquka iHollywood yodumo ekukho abakholelwa ukuba likhaya labakhonzi bakasathana.

Ngummandla okumashumi amane amawaka eehektare othe watshiswa ngumlilo ePalisades, Eaton, Kenneth naseHurst. Kumajelo eendaba nakumakhasi onxibelelwano, liyakhula inani labo bathi nguThixo ohlasela iCalifornia.

Ngenxa yale ntlekele, kukho ingxaki yokunqongophala kwamanzi aselwayo kwiphondo laseCalifornia. Eyona ndlu ixabisa kakhulu etshe yaphela kulo mlilo ixabisa ikhulu elinamashumi asixhenxe ezigidi zeedola zaseMelika.

Kuthiwa kwakukho abaprofeti ababexela kwangaphambili ukuba uThixo uza kuhlasela iMelika ngomlilo ongalawulekiyo, ingakumbi indawo yaseHollywood.

Uninzi lukholelwa ukuba abantu abadumileyo, kuquka iimvumi nabadlali beqonga, bazizityebi ngenxa yamandla obumnyama abawanikwa eHollywood.

Izityebi zehlabathi zihlala kule ndawo ngenxa yokuba imeko yentlalo iyabavumela, kodwa abenkolo yobuKrestu bakholelwa ukuba kuhlala abantu bobumnyama eCalifornia.

Kwizityebi ezihlala kule ndawo kuquka amadoda athandana odwa namanina ngokunjalo, kwaye abanye bakholelwa ukuba sisono esi.

Amagosa kaRhulumente kwela lizwe atyhola ngelithi kukho abasileleyo ukwenza umsebenzi wabo. Imililo yinto yaminyaka le kweliya laseCalifornia nethi iqhutywe ngamandla ngumoya ohamba ngesantya esiphezulu.

Phakathi kwezityebi ezitshelwe yimizi eLos Angeles kuquka uMel Gibson, Paris Hilton, Jeff Bridges nabanye abaninzi. UBilly Crystal uthi indlu yabo etshileyo baqala ukuhlala kuyo ngonyaka ka1979, kwaye bachithe imali eninzi bezama ukuyiphucula ukuba ihambelane namaxesha.