Umsebenzi weeNkosi asikokulandela abantu koko kukuseka imizekelo ukuze izizwe zilandele, wenze oko xa ebesalusa unyana wakhe ngebutho. Ukwalusa ngebutho lisiko lakudala ekumele ukuba lilandelwe ngamandla kweli xesha.
Oku kwenziwa ngokuba abantwana abakwixabiso lokwaluka kwesosizwe boluswe kunye nonyana weNkosi.
Ngamakhwenkwe angaphezu kwamashumi amathathu abuyele ekhaya ephilile komkhulu eQhumanco ngenxa yeenzame zikaNkosi Dumisani Mgudlwa ngokubuyisa eli siko lakudala ibutho.
Kaloku ezinye iiNkosi zixakeke zizinto ezingonobenani zishiya izizwe zazo zingenabani, kubhubhe abantwana namakhaya.
Kwakudala ziiNkosi ebezibiza amadoda okuhlala kuxoxwe ngebutho elizakwaluka ebusika okanye ehlotyeni kulo nyaka.
Ingxelo ithi uNkosi Mgudlwa uqokelele amakhwenkwe aphuma kumakhaya ahlukeneyo ngeenjongo zokwenza eli butho labakhwetha.
Lo ngumzekelo ofanele eli xesha kuba babhubha mihla le abakhwetha esuthwini, kwaye kudala kuzanywa amacebo.
Ukudityaniswa kwabantwana abantanganye ukuba baluke ndaweninye kubanika ithuba lokuba omnye afunde nto komnye.
La makhwenkwe angene kweli butho ephahle unyana kaNkosi Mgudlwa uNdaba kaNdaba Mgudlwa njengesiko lakudala.
Ukuba neenkokheli zemveli ezifana noNkosi Mgudlwa kunika ithemba lokuba lakuze liphele eli tyheneba lokubhubha kwabakhwetha xa kunokumanyelwa amadoda afana noMgudlwa.
Kaloku ukukhokela ayizozicengo zemibengo koko kukumisela umzekelo kubantu ukuze kuphile kukhuseleke isizwe.
Eli butho lenziwe ngamakhwenkwe aphuma kwiintsapho ezahlukeneyo, kodwa lo mzukulwana kaNgubengcuka uwuthathele kuye umsebenzi wokuqinisekisa ukuba baya bephila babuye bephila.
Bambi kwaba bantwana ziintsizana ezingenabazali, logama abanye kubo bebesele begqithelwe lixesha lokwaluka ngenxa yentswelo. Yenjenjalo indoda engakhathalelanga sisu sayo xa ikhokele abantu besizwe sayo.
Ukwaluswa kwabantwana bendawonye belibutho elikhulu kwenza ukuba bafunde ukuthandana, ukukhathalelana nokwabelana ngayo yonke into. Ngaphezu koko la makhwenkwe afunde ukwazi nzulu ngoxanduva lendoda ekhayeni layo nasekuhlaleni.
UNkosi Mgudlwa wenza oku logama iMpuma Koloni ijamelene nentyheneba lokubhubha kwabakhwetha abalishumi elinesithathu ngexesha lolwaluko lwasebusika.
Oku kuhombisa kukwabuyisa isidima sesiko lokwaluka esisele sivukuvuku ziingxaki ezibangwa ngamadoda angavumiyo ukuba ayasilela.
UNkosi Mgudlwa yiNkosi yesizwe samaJumba eQhumanco eCofimvaba. Ukhe wasebenza njengesithethi seKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo.
Ukwaluswa kwamakhwenkwe ngebutho kwenza ukuba akhuselwe nakwimimoya ngecebo eliphuma kwindibanisela yamakhaya alusileyo. Oku kuya kunceda ukubuyisa ukuthandana kwabantu bezizihlobo, logama kukwakhulisa nabantwana besazana bethandana.
Kuye sithi halalala!!! Mzukulwana kaNdabenyamakazi, kaBhomoyi.