Ibhoma esuthwini. Umfanekiso: Bheki Radebe
Kudala sithetha sicikoza ngomcimbi wokubhubha kwabakhwetha, amadoda ethethelela iindlela eva ngazo ngaphandle kokuqwalasela intlungu.
Oko kuphambili apha kukuba la madoda amele ukuba eli siko maligcinwe ngendlela endala awazange abhujelwa ngabantwana.
Awayazi intlungu yokubhujelwa ngumntwana, yiyo lento athetha into angayaziyo yokuba malingatshintshwa isiko. Isiko xa kukho iiNkosi namadoda aphucukileyo ngokucinga kuhlaliwa phantsi lijongwe ukuba lisanceda na okanye lenza umonakalo.
Eli lokwaluswa kwabantwana endle lenza umonakalo kwiintsapho ezininzi. IiNkosi zixakekile zifuna ukuya epalamante, isiko eyona nto bathunywe kuyo ngooyise mkhulu libulala abantwana babantu.
Yimfazwe le yokuba kubhubhe abantwana rhoqo emva kweenyanga ezintandathu ngenani elingekho ngaphantsi kwamashumi amabini.
Emva kokufunda eli nqaku, bazakuthetha yonke into engenantsingiselo bezama ukuzivisa kamnandi kukho amakhosikazi azilele abantwana.
Zimbini kuphela iiveki liqalile isiko lokwaluka, kodwa sele kukho abantwana ababhubhileyo, ubuciko bokuthethelela iintsomi ezingabonakaliyo akusancedi.
Kumele ukuba amanina aphakame nawo ayeke ukuthi eli lisiko lamadoda, kumele ukuba amanina aqalise ukukhangela amacebo ukuze kuphile iintsana zawo. Abasindayo abangabhubhi kwaba bantwana baphila phantsi koxinzelelo olumandla, logama abanye bengasenawo amalungu athile omzimba.
Elokuqala icebo kukuba aba bantwana baluswe besandula kuzalwa esibhedlele, ngaphandle kwamathandabuzo iinkundla zonke zingawathethelela amanina ngokwenza njalo.
Kubuhlungu ukubhujelwa ngumntwana nokuba kukweliphi inqanaba, vukani manina nilwele abantwana benu.
Amacebo onke enziwe ngamadoda kuquka norhulumente awasebenzanga, koko bayaqhubeka abantwana bayabhubha esuthwini. Iinkampani ezifana neMens Clinic International kudala zimemelela abantu abafuna ukwaluka ukuba baye kwaluswa.
Makhosikazi thathani abantwana benu nibase esibhedlele okanye kwiinkampani zabucala bafumane ulwaluko olukhuselekileyo.
Kudala kwakukho umbono wokuba indoda eyalukele esibhedlele ayigqibelelanga, oko kuthetha ukuba kudala ekho amadoda alukele esibhedlele.
Akukho kwanyani kulo nto, indoda yindoda nokuba yalukelephi, axakile ngoku engalukelanga esibhedlele. Vukani manina nikhusele abantwana benu, yahlukanani nokunikela eli siko kumadoda, oyisiwe amadoda ngenene.
Amadoda abenokuhlonitshwa ngeli siko ngalawo ayenikwa abantwana baluswe babuye bephilile ngaphandle kwengxaki.