Amaxesha amaninzi sidla ngokuba nemibuzo xa uRhulumente ephakamisa iimbono zokuba makuvalwe izikolo ezithile apha ephondweni.
Kodwa xa ukhangela igalelo lezinye zezi zikolo kwiziphumo zebanga leshumi ngokweenkcukacha-manani zeli phondo, ezi zikolo zehlisa umgangatho weMpuma Koloni.
Umhle umsebenzi owenziwe lisebe kuba libonakalisa ukukhula nokunyuka komsebenzi owenziwa liphondo. Kunyaka ophelileyo, iMpuma Koloni ibifumene umyinge wamashumi asixhenxe anesixhenxe ekhulwini leepesenti.
Ukufikelela kumashumi asibhozo ananye ekhulwini eepesenti kulo nyaka kuthetha ukuba lisebenzile kakhulu isebe lezemfundo eMpuma Koloni. Kodwa asinako ukuthula ngenxa yezikolo ezihamba emva, kuzo kukho ezo kungabikho nomnye umntwana ophumeleleyo.
Umbuzo ngowokuba bebesenzani abatitshala, abafundi nabazali unyaka wonke xa kuzakuphumelela umntwana omnye esikolweni okanye angabikho?
Izithili eziquka iAlfred Nzo kwakunye neChris Hani zizo ezidlale indima entle ukunyusa izinga leziphumo zeMpuma Koloni. Ukuvalwa kwezi zikolo kumbaxa mbini kuba kukho abantwana abanokunyanzeleka ukuba bahambe imigama emide.
Kodwa ukufakwa kwabo kwezinye izikolo kungenza kube lula ukusebenzisana ukonyusa izinga labafundi abaphumelela ibanga leshumi eMpuma Koloni. Kula maziko ebesetyenziswa njengezikolo, kunokuvulwa enye into enokunceda abahlali bezondawo.
Izikolo eziquka iCity of Light, Dilizintaba, Daluhlanga, Jongilizwe, Ngangelizwe, Nompumelelo nePhakamani zezinye zezikolo ezingumthwalo onzima kumsebenzi owenziwa lisebe lezemfundo kweli.
Asikho isizathu esinokubekwa sokuba kungabikho mntwana uphumeleleyo esikolweni okanye esibangela ukuba abemnye kuphela umntwana ophumeleleyo.
Kwezi zikolo zingasentla, kuphumelele umntwana omnye kuzo zonke. Kukho izikolo, ootishala neendawo ezithi zizinikele xa zithe azaqhuba kakuhle kunyaka ongaphambili.
Ngenxa yokubaleka ihlazo, ezo zikolo ziye zisebenzele ukuba kunyaka olandelayo ziphumelele. Isikolo iMqikela eLusikisiki sibenengxaki yongaphumeleli kwabantwana okanye babe babini abantwana abaphumeleleyo.
Indlela eyiyo kukuvala ezi zikolo kwenziwe isicwangciso sokuzidibanisa nezinye izikolo ukuphucula izinga lokuphumelela kwezi zikolo ziyindibanisela.
Wona umninzi, kwaye umkhulu umsebenzi owenziwa lisebe lezemfundo kumanqanaba onke. Oku kuquka iinzame zokukhuthaza abantwana ngokutya, iinqwelo zokuhamba, izifundo ezongezelelweyo nezinye iindlela. Konke oku kwenziwa ngeenjongo zokukhuthaza nokuxhasa abantwana ukuze bakwazi ukuzinikela baphumelele.