Ububhutyubhutyu obuboniswe yimibutho yezopolitiki ephikisayo kweli kulawulo lendibaniso kooMasipala kubonisa ngaphandle kwamathandabuzo ayinakuthenjwa lemibutho. Uninzi oluvotela imibutho ephikisayo lenza oko ngenxa yokungathembi umbutho olawulayo. Kodwa ukungazinzi komsebenzi owenziwe yimibutho ephikisayo kulawulo looMasipala kuthetha ukuba abavoti baxengxakini.
Basengxakini kuba bavota ngethemba lokuba imibutho ephikisayo ingeza nesisombululo kwingxaki okanye indibanisela yale mibutho ingasisisombululo. Alikho ithemba lokuba inganaso isisombululo le mibutho kuba ayikwazi kuthobelana, ayivumelani nganto, ayiboni ngasonye.
Iingcali ezithetha ngendibanisela kwezopolitiko zithi ukuthobela nokuncama okuthile kuko okwenza impumelelo kulawulo lendibanisela. Ububhutyubhutyu obenziwe yile mibutho kubonisa ukuba ngenene inkokheli zayo zisadinga ukukhula nolwazi olulo ngendlela ekusetyenzwa ngayo kuRhulumente wendibanisela. Ngenxa yokungakwazi ukuthobelana nokumamelana kwimibutho ephikisayo kweli ooMasipala abaninzi abebelawulwa ngendibanisela bachithakele okanye babuyele kumbutho ophikisayo.
Ukungathatheli ngqalelo iimfuno zabavoti kuko okwenza ukuba iinkokheli zemibutho ephikisayo zoyisakale ukumisa ooRhulumente bendibanisela. Oku kwenza ukuba kungabikho themba lokuba imibutho ephikisayo ingenza indibanisela enamandla kulawulo lukazwelonke. Ukusebenza ngobambiswano kwinqanaba loMasipala ibiyindlela yokubakhangela ukuba bakulungele kusinina ukulawula ngendibanisela kuzwelonke.
Ukusungulwa kwemibutho emitsha yezopolitiko okubonakele kulo nyaka kukwaluphawu lokuba ngenene imibutho ephikisayo ifaka engxakini abavoti. Oku kuthena amandla kwimibutho ephikisayo esadinga amandla kwayona ukuba ikwazi ukususa umbutho olawulayo.
Kukho uthethwano oluqhubekayo leqela lemibutho ephikisayo ejonge ukudibana yenze indibanisela ekuthwa izakuba namandla okususa umbutho olawulayo. Ngenxa yeyantlukwano ezibonakaliswe yimibutho ephikisayo ngaphambili lincinci ithemba lokuba le ndibanisela izakwenza umahluko.
Abavoti bangena engxakini ngamandla ngenxa yesi sigqibo kuba bona bavotela imibutho yabo izimele benenjongo zokuba iphumelele. Nangona iliphupa elingenakwenzeka kweli, kodwa indlela enokuphelisa ulawulo lombutho olawulayo ingakukusungulwa kombutho omnye ophikisayo. Ngaphandle kwamathandabuzo abavoti bangawuxhasa lombutho ngenxa yokuba bediniwe zingxaki ezizalwa ngumbutho olawulayo.
Kwelinye icala iinkokheli zemibutho ephikisayo azikucingi oku azinakuze zikucinge nanini ukusungula umbutho omnye. Yiminyaka engamashumi amathathu ulawulo lesininzi kweli lathi laqala ukusebenza, ukusungulwa kwemibutho yezopolitiko yeyona nto inkulu iqhubekileyo kule minyaka.
Indibanisela ecatywayo phakathi kweAzapho nePAC ngumzekelo wempawu zokusilela kwemibutho ephikisayo ukuhlonipha nokuqwalasela iimfuno zabavoti. Le mibutho yomibini ineminyaka engaphezu kwamashumi amathathu ikhona, kodwa kuncinci ekwenzayo ukuzuza inkxaso yabavoti. Oku kuthetha ukuba ngenxa yokusilela kwenkokheli abantu abavotela lemibutho basengxaki ngevoti zabo.
Abavoti esithetha ngabo apha ngabona bantu basokola ngamandla ngendlela ezininzi, logama iinkokheli zopolitiko ziphila ubomi obumnandi. Oko kuthetha ukuba abavoti bayaqhubeka ukutyebisa nokukhulisa iinkokheli zemibutho abayithandayo.