Izimvo: Ziyoyikisa izigqibo ezithathwa ngumbutho weMK Party.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Umbutho weMK Party uthe gqolo ukuthatha izigqibo ezibangela amathandabuzo kwabo bebesacinga ukuba babe ngamalungu alo mbutho.
Ukuthathwa kwezigqibo kumbutho wezopolitiko onamalungu angaphezu kwesigidi luxanduva lwesininzi ngeenjongo zokukhusela isidima sawo.
Kodwa indlela ekuthathwa ngayo izigqibo kulo mbutho kaJacob Zuma kubonakala ingathi zithathwa yindoda enye engaphikiswayo.
Emva konyulo lukaCanzibe kunyaka ophelileyo, lo mbutho wothuse ilizwe xa ubuyisa amalungu awo awayenyulwe ukuba ayekuba sePalamente kazwelonke. Ukuthumela amalungu ePalamente kazwelonke sisigqibo esibaluleke kakhulu ekumele ukuba sithathwa ngendlela esemthethweni.
Ukubuyiswa kwala malungu kwayenza ingxaki nangona ingavezwa okanye ingaziwa, kuba aba ngabantu abaneentsapho ababekudinga ukuqeshwa ingakumbi kwinqanaba lasePalamente. Kutshanje iMK Party ibize umnqashi sabhokhwe wawo ePalamente uMzwanele Manyi ukuba ashiye esi sikhundla kuba kusithwa wenza utshintsho.
UMzwanele Manyi ngomnye wamadoda amakhulu kwezopolitiko eMzantsi Afrika, ngoko xa kuthathwa isigqibo ngaye kumele ukuba kusetyenzwe ngobunono.
Okona kothuse umzi kakhulu kukususwa koNobhala Jikelele kulo mbutho uFloyd Shivambu, kuthwa uza kuya kuba lilungu lePalamente.
Kuthwa ususwa ngenxa yokuba ethe watyelela uMprofethi uShepherd Bushiri ngokungahambelani nemiqathango yalo mbutho kaZuma.
UNobhala wombutho kumele ukuba uyayazi imigaqo nkqubo yombutho wakhe ngokumayela nokuhambela abantu abathile.
Kwaye xa ujonga indoda efana noShivambu yindoda echubekileyo, ngoko akanakuthatha isigqibo esichasene nombutho wakhe ukuba akukho sizathu.
Mhlawumbi uShivambu utyelele uBushiri esazi ukuba akukho mthethweni eneenjongo zokuba makathathelwe amanyathelo.
Iinkokheli zombutho weMK Party azibonisi umdla kwamanye amaphondo, koko zibonakalisa umdla ogqithisileyo kwiphondo laseKZN. Oku kuthetha ukuba sele ziqalile ngenene iingxaki eziza kubangela ukuba iMK Party ingakwazi ukuzalisa iinjongo zayo zokuphatha ilizwe.
Ngoku sithethayo, iMK Party kuza kufuneka ukuba ithathe isigqibo sokuba ngubani oza kungena endaweni kaShivambu. Ngaphandle kwamathandabuzo oku kuza kudala ingxaki ngaphakathi kwalo mbutho.
*Ezi zizimvo zombhali kwaye azimelanga ezo zeli phephandaba I’solezwe lesiXhosa.