Izimvo

Akukho nto inomqeqeshi apha, kutsho umlandeli webhola ngokubethwa kweSundowns

Cwayita Nondula|Published

IMamelodi Sundowns iye yabethwa kumdlalo wokugqibela weCAF Champions League ngobusuku bangeCawe ibethwa yiPyramids FC.

Image: Backpagepix

Njengoko iMamelodi Sundowns ibuye iphaca eCairo, eJiphethe, sicele abalandeli bethu ukuba bahlalutye umdlalo kwaye babelane ngezimvo zabo.

ISundowns idlale ntanganye ngo’1-1 nePyramids FC ekhaya ePitoli kumdlalo wayo womlenze wokuqala wokugqibela weCAF Champions League. Bekufuneka baphumelele eCairo okanye badlale ngokulingana ngokufaka amagowuli angaphezulu kwelinye kumdlalo womlenze wesibini wokugqibela, kodwa abakwazanga ukuphumelela njengoko bebethwa ngo’2-1.

Nazi izimvo zabalandeli bethu ngomdlalo:

Xolani Garry Seyisi: "Andingomlandeli weSundowns kodwa umqeqeshi uCardoso wenze impazamo enkulu ngokubeka uThemba Zwane esitulweni."

Thandikhaya Baca: "Ngase ndinenzele iVN bendizanixelela nje kakuhle, iSundowns ifike ngethamsanqa kumdlalo wokugqibela. Khange idlale kakuhle, ibimincisa kuyo yonke imidlalo yayo, iqela elidlale kakuhle kakhulu yiPirates bafethu, kodwa kwafika ixesha lokuba iphume yaphuma ke njengeSundowns bekufike ixesha lokuba ityiwe ekugqibeleni."

Nkcubeko Nunens Kabingesi: "Akukho nto inomqeqeshi apha, qha abadlali beSundowns babethwe kungakwazi ugqibezela amathuba ebebenawo."

Patrick Mbuyana: "Sibethiswe yindlela abatyumba ngayo abadlali. Thina balandeli besingasiboni isidingo sokuba afake uMothiba umntu owagqibela kudala ukudlala, loo nto iyonke khange uwuqinise umnqwazi. UZwane bekulindeleke ukuba angene enze utshintsho kodwa khange amfake. Lo nto isibeke kwisimo esibi kakhulu. UAdams kunye noMatthews ebemele ubabeke esitulweni waqalisa uMshishi noShalulile."

Mchunu Totolo: "Andicingi ukuba ibethwe kungabikho kukaZwane, masingasoli umqeqeshi ngaleyo, izigqibo zezakhe kwaye iSundowns liqela elingamanga ngomntu omnye, abadlali abakhange babe kwela qondo lodlala, ingathi baye bedelele befuna ukubambana ngamagowuli, iPyramids ibivale ngasemva kakuhle kakhulu yabe ibafaka uxinzelelo pha phambili."

Zimisele Fayi: "Umgangatho womdlalo ubuxhomile, iSundowns yohlulwe lela qela qha."

Sipho Laduduma Phelo: "IPyramids isebenzise amathuba wayo futhi izincedile, kodwa umdlalo wona ubusezingeni eliphezulu, ukuba uMatthews ebelifakile igowuli kwela thuba ebelifumene ngesithetha enye into ngoku, kodwa naye umqeqeshi usibulele."

Mzwakhe Daza: "Mandingene nam ndingumlandeli weChiefs, umqeqeshi weSundowns uwujongise kuye umpu. Uzibethe kwakwiqela labadlali abaqale umdlalo abakhethileyo, akakwazi ukushiya abantu abafana noMshishi noShalulile ngaphandle nabanye abadlali ebekufanele ubafakile, okwesibini, bekumele uModiba umkhuphile kwakwisiqingatha sokuqala, ayikho tu into ebeyidlala."