IChina neNdiya zingawunceda uMzantsi Afrika ukulwa iHIV.
Kukho ingxolo nengxokolo eninzi malunga nesigqibo sokuba iMelika iphelise inkxaso yayo kweli nebisuka kumbutho ombaxa iUSAID.
Lifikile ixesha lokuba iinkokheli zaseAfrika zahlukane nokuphila nokucinga ngenkxaso yamazwe afana nawaseNtshona, iMelika naseYurophu. UMzantsi Afrika ungene kwintsebenziswano kwimicimbi equka ushishino, ezopolitiko, nokuncedisana ngemicimbi yoqoqosho nentlalo ngokubanzi namazwe afana neNdiya neChina.
Phantsi kwendibanisela yeBRICS uMzantsi Afrika unendyweba yokuba usebenzise elithuba ukulwa iingxaki zawo eziquka iHIV/Aids. Ilizwe laseNdiya nelizwe laseChina aneenkqubo zokulwa esi sifo ngendlela ekumgangatho ophezulu kakhulu.
Ngoko ke kumele ukuba uMzantsi Afrika uncance kulo mabele wala mazwe kuliwe HIV/Aids, kwahlukwane nokube kucengwa ilizwe laseMelika. Ingxaki ephambili yoMzantsi Afrika kukungakwazi kuphucula ulawulo ukuze kuphathwe iiofisi zonke zolawulo ngendlela eyiyo, kuyeke ukubiwa imali ngabantu beANC. Ilizwe laseChina linabona bantu baninzi ehlabathini, ngoko ke linenkqubo yokulwa izifo ebanzi kakhulu, amacebo neendlela ezininzi zokulwa izifo.
Ilizwe laseChina linenkqubo eqhuba kakuhle kakhulu ebizwa ngokuba yiAntiretroviral Theraphy (ART). ElaseChina linamava eminyaka okukwazi ukukwakha nokuqinisa iziseko zenkqubo yezempilo ethembakeleyo.
Kwicala lophando ngqangi ngemicimbi yezempilo, ilizwe laseChina lihamba phambili, alixhomekekanga kwelinye ilizwe liyazenzela konke. Inkqubo yokwakhiwa kwezibhedlele neekliniki icacile kwaye iyasebenza kwela lizwe laseChina.
Kutheni uMzantsi Afrika uzakuxhalaba ngokulahlwa yiMelika yabacinezeli. Phantsi kombutho weBRICS kukho ikomiti ejongene neengxaki zempilo zamazwe angamalungu weBRICS.
Ilizwe loMzantsi Afrika likunye nelizwe laseChina ayifumana imali ejoliswe ukulwa izifo eziquka HIV/Aids kwiGlobal Fund.
Ngonyaka ka-2014 ilizwe laseChina lalinabantu abafumana amachiza okulwa i-HIV/Aids abaqikelelwa kumashumi asibhozo anesithandathu ekhulwini leepesenti.
Ilizwe laseNdiya lihamba phambili ngokuvelisa amachiza okuthintela isifo sikagawulayo kwihlabathi. Ela lizwe laseNdiya likwanenkqubo ezicacileyo ezisebenzayo zokulwa, ukuthintela nokunceda amaxhoba esifo sikagawulayo.
Kutheni uxhalabile uMzantsi Afrika ngokunqunyanyiswa koncedo laseMelika, oku kuzakunika eli inkululeko yokuzazi ukuba awunabudlelwane nelizwe laseMelika.
Maninzi kakhulu kwihlabathi amazwe achasene nelizwe laseMelika ngoku kodwa indlela uDonald Trump aqhuba ngayo. Ngokwendlela ekuqhutywa ngayo unyulo eMelika kulula ukuqaphela ukuba uTrump akazukuphinda ongamele emva kweminyaka emihlanu ezayo.
Related Topics: