Ingaba isekho indawo kanomathotholo entlalweni?
Umhla weshumi elinesithathu kule nyanga wamiselwa ngumbutho wezizwe ezimanyeneyo njengomhla wokunika imbeko nokuqaphela umsebenzi owenziwa ngunomathotholo entlalweni yoluntu.
Kumaxesha angaphambili, unomathotholo lo ebelithemba lolwazi, imfundiso ulonwabo kwakunye neendaba kuluntu lonke.
Ngenxa kanomathotholo, baninzi abantu abafumene ulwazi olubenze ukuba babezizinto ezinceda kwa ihlabathi ngolwazi lwabo abalufunde kunomathotholo.
Xa uphosa imehlo emva uqaphela indima kanomathotholo, ufumana ukuba ebefumaneka enceda ngolwazi lezempilo, ulwaphulomthetho, imfundo, inkolo namasiko nezithethe, asinakulushiya ulonwabo.
Phaya ezilalini ngaloo maxesha, bekunyanzeleka ukuba kugcinwe iibhethri ngeenjongo zokuba kufuneka unomathotholo lo emanyelwe ngamaxesha athile enganakumanyelwa imini yonke kuba iza kuphelelwa ibhethri.
Imidlalo kanomathotholo nayo yayidlala indima enkulu ukugcina abaphulaphuli behleli ecaleni koonomathotholo babo behlekiswa ngabo badlala kuloo mabali. Iinkqubo zemidlalo ebezichaza imidlalo eza kudlalwa, iziphumo nolwazi olunzulu ngabadlali bamaqela athile.
Asinakuyishiya ngaphandle indima ebidlalwa ngabasasazi, oonyana neentombi zabantu ebezisonwabisa apho ngokudlala umculo, ukunika ulwazi nokuthuthuzela uluntu.
Kuba amagama abo angangoboya benyathi ngoko asinakuwagqiba xa sinokuzama ukuwabala. Ngokuhamba kwexesha, kwenzekile ukuba eli gorha lingunomathotholo lizibone likhuphisana nezinye izixhobo zonxibelelwano, ingakumbi kula maxesha wamakhasi onxibelelwano.
Ingaba isekho ke indawo kanomathotholo entlalweni yoluntu kula maxesha anzima kangaka? Kaloku ngoku unomathotholo ukhuphisana nomabonakude ogcwele yonke into efunwa luluntu. Kula maxesha ngokuvula umabonakude abantu bayakwazi ukuya kwisikhululo sikanomathotholo.
Yona indima kanomathotholo ayinakuphela nokuba ingakhula kangakanani imiceli mngeni ajongene nayo. Amakhasi onxibelelwano athathela kuwo uninzi lwabantu abebemamela unomathotholo, bachitha ixesha ezifowunini eziphathwayo.
Oku kuthetha ukuba kufuneka abaphathi bakanomathotholo basebenze nzima ukuqinisekisa ukuba kwenziwa amacebo amatsha okugcina abaphulaphuli bakanomathotholo. Kufuneka kuqeshwe abantu abatsha abachubekileyo logama kubalulekile ukugcina amava kwabo banamava kanomathotholo.
Related Topics: