Ibifuna ntoni imali yaseMelika eAfrika kakade?
Izoyikiso ezenziwa nguMongameli welizwe laseMelika zokuba uza kukhama eli loMzantsi Afrika ngokungaluniki uncedo lwemali lithuba lokuba avuke amazwe aseAfrika kuquka noMzantsi Afrika.
Ilizwekazi laseAfrika linowona mhlaba umkhulu ungasetyenziswayo kwihlabathi xa kuthelekiswa namanye amazwe.
Eli lizwekazi lelona linezimbiwa ezininzi kwihlabathi, kodwa lelona linabantu abalambayo abaxhomekeka kwizipho zemali esuka kumazwe afana neMelika.
Ukusukela ekupheleni kweminyaka yoo1950, amazwe aseAfrika aqala ukufumana ukuzimela ekhululwa phantsi kolawulo lwamazwe aseNtshona.
Oku kuthetha ukuba amazwe aseAfrika aquka uMzantsi Afrika bekumele ukuba akukho kwanto ewadibanisa nalizwe laseNtshona nelaseYurophu ngemali. Kukusilela nokuthanda ukuxhomekeka kwiinkokheli zaseAfrika okubangela oku.
UMongameli uCyril Ramaphosa ukhangeleka eza kulwa idabi ebelisiliwa nguMongameli uRobert Mugabe ejijisana noTony Blair ngomcimbi womhlaba waseZimbabwe.
Woyikisa ngokuphelisa inkxaso mali yelizwe lakhe uTrump eMzantsi Afrika kuba exelelwe ukuba kupasiswe umthetho ongokwabiwa ngokutsha komhlaba kweli.
Ibifuna ntoni imali yaseMelika eMzantsi Afrika, kuba akukho mntu ukhe wakhululeka ngokuxhomekeke kwizipho zomnye umntu.
Le ngxelo yokuba uncedo lwemali lweUSAID luyapheliswa ingqinela iingxelo zikaGqirha Matthias Rath kwincwadi yakhe ethi, Pharmaceutical Colonialism, apho acacisa izizathu zokunikiswa kolu ncedo.
Uthi uRath amazwe afana noMzantsi Afrika ancedwa ngezimali kuba kufuneka ahlale ehloniphe izimvo neembono zelizwe laseMelika.
Ngoko ke, ukupheliswa kwale mali yiMelika luphawu oluhle lokuba ayaqhawuka ngenene amatyathanda engcinezelo kubantu baseAfrika.
Kaloku ngoku ooMongameli baseAfrika kufuneka basebenzele ukusungula amacebo neendlela zokuncedana bebodwa ngaphandle kwamazwe angaphandle.
OwayenguMongameli welizwe laseBurkina Faso, uThomas Sankara, wabulawa kuba wayengafuni ukwamkela lamancedo ahamba nemiqathango esuka eMelika nakwamanye amazwe aseNtshona.
Mawuqine uMzantsi Afrika uzimisele ukunceda abantu bawo, mayihambe imali yaseMelika kuba inevumba lokufa namachapha egazi labantu baseAfrika.
Masincome uMongameli Ramaphosa nabaphathiswa bakhe ngendlela abayiphendule ngayo le nto. Bangene bengxamile ukuxelela uTrump neMelika ukuba abazukuva ngeMelika. Ibifuna ntoni imali yaseMelika eMzantsi Afrika naseAfrika?
Related Topics: