Indoda eyabulala uChris Hani, uJanusz Walus wasePoland.
UJanusz Walus yindoda yasePoland eyadubula yabulala uChris Hani owayengunobhala jikelele weSouth African Communist Party (SACP) ngomhla weshumi kwinyanga kaTshazimpuzi ngo1993.
Zangena ngentseni iindaba zikanomathotholo ngalo mini zichaza ukuba udutyulwe wabhubha uChris Hani emzini wakhe owawuseBoksburg eRhawutini.
Emva kokudontsa iminyaka engaphezu kwamashumi amabini entolongweni ngenxa yokubulala uHani, uWalus ukhululwe esabonakalisa ukudelela nokungazisoli ngesenzo sakhe.
Udliwanondlela alenze noAnnika Larsen we’eNCA, uWalusz uyithethe phandle into yokuba abantu abamnyama sisizwe esingenakuziphatha okanye esingakwazi kulawula nto.
Uthi abantu abamnyama bangavota kodwa bangalawuli iindawo ezihlala abantu abamhlophe; baziphathe bona. Uhambisa athi ubunganga bolawulo lwabantu abamhlophe luyazibonakalela kwihlabathi lonke aludingi kucaciswa.
Okona kothusayo kukuba esi sigebenga asivumi kuchaza ukuba ngoobani abasungula baqulunqa ukubulawa kukaHani. Ukhululwe njani ke umntu ongavumiyo ukuthetha inyaniso ngezenzo zakhe, ongabonakalisi kudana zizenzo zakhe?
Maninzi amadoda namankazana weli adontsa izigwebo ejele emva kokuba azivumayo izenze zawo achaza konke. Oku kwenza ukuba ubani acinge ukuba ngenene kwiinkokheli zeANC neSACP bakhona abantu abathengisa ngegazi likaChris Hani.
Kwelinye icala, kukho ulwazi lokuba ukubulawa kukaHani kwasetyenziswa ukuphazamisa inkqubo yolonyulo eyakhokelela kwintando yesininzi. Uthi uWalus wayenobuhlobo obudala kwakunye neenkokheli zabanxaxhi kweli eziquka uEugene TerreBlanche.
Phaya kwiSebe lezoluleko kukho inkqubo elandelwayo xa kuza kukhululwa ibanjwa nokuba kungengqawule okanye enye indlela. Ingaba zilandelwe ezi nkqubo kuba ibanjwa elo kufuneka liphendule ngempumelelo imibuzo ethile.
Xa umamela indlela athetha ngayo uWalus, ikuxelela ukuba igazi loonyana neentombi zeli lizwe laphalala mahala ukuzama ukuza nento ekuthiwa yinkululeko.
Ngamagama ambalwa, uWalus ubathukile abantu abamnyama belizwe loMzantsi Afrika. Kudliwanondlebe olunje, bekulindeleke ukuba azithobe, acele uxolo, achaze ukuba ukubulawa kukaHani kwacetywa ngoobani nanjani.
Iintetho zale ndoda zishiya isizwe esahlukene kubini, kwaye inzondo phakathi kwabamnyama nabamhlophe iza kuhlala ikhona ngonaphakade.
Kuchithwe imali yabarhafi kwathunyelwa le ndoda kokwayo ePoland emva kokuba ithuke isizwe esimnyama.
Related Topics: