UMongameli waseMelika uDonald Trump. Umfanekiso: Haiyun Jiang/The New York Times
Ihlabathi lidinga amadoda akwazi ukuthatha izigqibo ngaphandle koloyiko ezama ukwenza umahluko ngexesha lokuphatha kwawo. UDonald Trump uphethe ilizwe laseMelika ngendlela ephantse ifane nendlela awayephethe ngayo uRonald Reagan kwela lizwe laseMelika ngeminyaka yoo1980.
Ngenxa yefuthe lento ekuthiwa yintando yesininzi, iinkokheli ezikhoyo ehlabathini ziyoyika ukuthatha izigqibo okanye azikwazi kuthatha izigqibo.
Kaloku iinkokheli zentando yesininzi zisoloko zicela ukuvotelwa ukuze zihlale ezikhundleni ixesha elide, logama ulawulo lwabo lucinezela abantu.
UTrump ungene esikhundleni sokongamela ilizwe laseMelika kwiveki ephelileyo, kodwa sele ethathe izigqibo ezibangele intshukumo kwihlabathi.
Enye yeempawu eziphambili kwinkokheli kukwazi ukuthatha isigqibo okanye ukungoyiki ukuthatha isigqibo ngeemeko zentlalo. Abantu bentando yesininzi bayoyika ukuthatha izigqibo kuba bafuna ukwanelisa okanye ukuvuyisa umntu wonke elizweni.
Zange yenzeke into yokuba izigqibo zomntu ophetheyo zithandwe okanye zamkelwe ngumntu wonke ophantsi kolawulo. UTrump engena nje esihlalweni uthathe isigqibo sokuba ilizwe laseMelika liphume ukuba lilungu leWorld Health Organisation.
Uthathe isigqibo sokuba amajoni agxothwa ngenxa yokungavumi ukuncuntsa isitofu sokugonya iKhorona emkhosini abuyiselwe anikwe intlawulo yexesha abalichithe bengasebenzi.
Abantu bamanye amazwe abakwilizwe laseMelika ngokungekho mthethweni nabo kulindeleke ukuba bahambe kwela lizwe. UTrump ukubeke kwacaca ukuba inkxaso yelizwe laseMelika kwiingxaki ezininzi kwihlabathi nayo iza kufumana ingqwalasela.
UTrump uxelele iinkokheli zoshishino kwihlabathi eDavos, eSwitzerland, ukuba mazivelise iimveliso zazo eMelika okanye zijongane nokubhatala irhafu ephezulu.
Ngexesha elincinane uTrump engene esikhundleni, ugunyazise ukuba ikhutshwe ingxelo emalunga nokubulawa kukaMongameli John F. Kennedy, Robert F. Kennedy kwakunye noGqirha Martin Luther King Jr.
OoMongameli abaninzi phambi kwakhe boyiswa kukuthatha isigqibo sokukhutshwa kwale ngxelo.
Iinkokheli ezininzi kwihlabathi zipasisa imithetho yonke imihla kodwa zingaqalisi ukwenza ezo zinto kuvunyelwene ngazo.
Related Topics: