Kuthiwa kukho ingxoxo eqhubeka eMonti, emalunga nokubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni. Ukubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni sele kuyeyona ngxaki iphambili nexake amakhaya, de amanye amakhaya athatha isigqibo sokubathumela ezibhedlele abantwana.
UMphathiswa uVelenkosini Hlabisa ekupheleni konyaka ka2024 uthe unqwenela ukuba kwenziwe ikomishini ezakuphanda ngokubhubha kwabakhwetha.
Kwelinye icala uNkosi Mwelo Nonkonyana, yena ebephakamisa ukuba kunqunyanyiswe ulwaluko logama kuzakuba kuxoxwa ngendlela zokwenza inguqu kweli siko ukuze kuphele ukubhubha kwabantwana.
Uthi uNonkonyana unombono wokuba kubizwe iiNkosi, amadoda okuhlala, amajelo eendaba namagosa kaRhulumente kuxoxwe isisombululo.
Yomibini imibono kaVelenkosini Hlabisa, noNkosi Mwelo Nonkonyaka ifanelekile, kodwa umbuzo uthi ngoku ngobani aba baxoxa eICC eMonti? Kungenzeka ukuba ikwangaba bekukudala bexoxa ngengxaki yolwaluko bengafumani sisombululo?
Kumele ukuba kunikwe uluntu ithuba lokuba luxoxe ngesiko lalo ukuze kufunyanwe isisombululo. La madoda adibene eMonti kudala exoxa engazi nasisombululo.
Makuxelelwe abantu kwiinqila zonke, ooMasipala, ezinkonzweni, nakwimibutho yezopolitiko ukuze ibengabantu abaxoxa ngesiko labo. Ingxaki ebangela ukuba kuxoxwe bucala kushiywa abantu ngesiko lokwaluka kukuba kusoloko kukhangelwa indlela yokuzuza imali kwiingxaki ezichaphazela iimpilo zabantwana.
Ungafumanisa ukuba iingcibi, amakhankatha namadoda okuhlala akhethelwe ngaphandle kwale ngxoxo iqhutywa phaya eMonti. Kuthiwa le ngxoxo ibiqhuba ngomhla wamashumi amabini anesithathu kule nyanga.
Zezi mpazamo zokukhethwa kwabantu ezibangela ukuba ziqhubeke iingxaki zokubhubha kwabakhwetha esuthwini. Ngumcimbi ochaphazela impilo lo, ngoko ke kumele ukuba amagqirha namaxhwele nawo anikwe ithuba lokuvelisa izimvo zawo ngengxaki yokubhubha kwabakhwetha.
EMpuma Koloni kukho amadoda aneminyaka engaphezulu kwamashumi amathathu esalusa abantwana ngaphandle kweengxaki, angazange afelwa ngabakhwetha.
Loo madoda ungafumanisa ukuba awabizwanga kula ntlanganiso ixoxa ngolwaluko eICC eMonti. Kutheni lento kusetyenziswa ingxaki yabantu ukuphakamisa amagama wamadoda athi aziNkosi, kodwa alawulwa zizimvo zemibutho yezopolitiko?
Nikani abantu ithuba lokuba baxoxe ngengxaki yokubhubha kwabakhwetha. Xa isenziwa ngendlela eyiyo yonke lento, kuza kujikelezwa kwinqila kuthethwa nabantu bonke, kooMasipala, kwimibutho yasekuhlaleni nakwimibutho yezopolitiko. Niyifihlile ukuza kwayo kuba nilungiselela ukuba niphakamise amagama wenu ngengxaki yokubhubha kwabantwana.
Niyifihlile kuba benifuna ukuba nize nayo ebantwini sele niyingxengele ukuba incede iimfuno zenu?
Isiko lokwaluka asilolenu, lelabantu aba babhujelwa ngabantwana, sanukucinezela abantu ngendlela ezintsha, nikani abantu ithuba lokuthatha inxaxheba kwiingxaki zabo.
Related Topics: