Yingadlangadla edala amachule kuba yambethe ubuchule ngomzimba wayo. Ikhankatha yindoda eyenza amadoda kuba iyindoda enkulu nayo.
Ikhankatha ayingofinyela wendoda kodwa nguntozonke ukuxhobisa amakhwenkwe ewenza amadoda. Vumani ingoma nikhuthaze nixhobise indoda yamadoda ikhankatha.
Ngumthunywa wesizwe ozincama ngeenjongo zokuvelisa abafana naye ngokuchana nokuchubeka.
Ikhankatha yindoda echubekileyo edala amadoda achubekileyo ngeenjongo zokuchubela isizwe inkcubeko. Xa benikwa umntwana bathembela ngobunganga bedala inkcubeko ukuphiwa. Simile nje isizwe simiswe kukuma kwamadoda amakhankatha.
Minyaka le la madoda ancama incasa nemfudumalo ashiye amakhaya ukuya kuzimela ehlathini namakhwenkwe.
Mhla abuyayo uva ngengoma ukuba ngenene ikhankatha loyisile ehlathini, uva ngengoma usomagwaza ukuba ngenene loyisile ikhankatha.
Vumani ke ingoma kwezakudala nivumele ikhankatha umdali wamadoda amatsha. Matsha la madoda kuba aphuma kwisikhwebu esiqulethe ubutyebi, inzulu nobunganga. Ikhankatha yindoda yamadoda ngubani othini, ujika ivanya ayenze esinencasa sona isiselo.
Beza bengazi, le ndoda ikhankatha iwafundise ubudoda, iwafundise ukuziphatha nokuphatha ikhaya. Le ndoda ikhankatha nguntozonke oqulethe ubomi nekamva kumadoda.
Olimameleyo uphuma asuke ajike abelikhankatha ukudala amanye amakhankatha. Isiqalo sokufunda ubomi nobudoda kukumamela loo ndoda ikhankatha lamakwenkwe ukuze umungunye inzulu nentsobi yobudoda.
Umhla ngemvula linxiba gxavugxavu lijikeleze likhangela ukhuseleko njengomalusi ekhusela iintsatshana amatakane. Vuma ingulazibhaca ingoma yamagorha likhahlele ikhankatha umdali wamadoda ojika adale amakhaya anoxolo, uthando nokwakha okunenkcubeko.
Beza kuye bengento libavuthele endlebeni ikhankatha lisenza amadoda okumiswa kwamakhaya nesizwe.
Ikhankatha ewe yindoda eyenza amadoda ukuze nawo enze amanye amadoda.
Related Topics: