Ngenxa yemeko yolwaphulo-mthetho oluqatseleyo kweli, iindaba zikamabonakude zeSABC azinanto yimbi yokubhala ngaphandle kokubulawa kwabantu.
Ewe kubalulekile ukuchazwa kwezi ziganeko zokubulawa kwabantu, kodwa abahleli kumele ukuba bazicwangcise ngendlela echubekileyo ezi ziganeko okanye amanqaku.
Zintloni ukubona amanqaku okubalawa kwabantu elandelelana ngokungathi azikho ezinye iindaba.
Xa kufakwe inqaku lokubulawa kwabantu abathandathu kumele ukuba kulandele inqaku elithetha enye into, oku kwenziwa ngeenjongo zokunika ithemba nokomeleza umphulaphuli.
Ngemihla yakudala phantsi kweemfundiso zoNdyebo Mkhosi kunomathotholo, kwakungavumelekanga ukuqala iindaba ngenqaku elithetha ngokufa kuze kuphinde kuvalwe iindaba ngenqaku elithetha ngokufa.
Kuluhlu lwamanqaku acetywa kwigumbi leendaba, kukho inqaku elilodwa elibekwa emsileni ukuze lishiye abaphulaphuli bencumile okanye behleka.
Injongo yoku ihlala ikukuba abantu banikwe ithemba okanye bonwatyiswe emva kokumamela iindaba ezimanyumnyezi. Uhlobo lweendaba ezikhutshwa ngamajelo eendaba zinefuthe kwindlela abanye abantu abazibona ngayo izinto okanye indlela abathatha ngayo izigqibo.
Ngoko ke, kumele ukuba umhleli azifake ezihlangwini zomphulaphuli weendaba zakhe, abaphulaphuli baphoziswe noko emva kokuxelelwa ngeendaba ezinokufa kwabantu.
Olu hlobo lweendaba, ingakumbi kumabonakude, zibangela ukuhlukumezeka okuphezulu ebantwini abaphulaphula ezi ndaba. Ngoko ke, kumele ukuba basebenze nzima abaheli bakamabonakude ukuqinisekisa ukuba nezinye iintlobo zeendaba zinikwa inxaxheba.
Iindaba zikamabonakude zesiZulu zike zazama ukuvala iindaba ngenqaku eliyolisayo okanye elinika ithemba, kodwa nabo bakwenza okwexeshana kwasuka kwaduka konke oku.
Makukhuthalwe ngabahleli kwakunye noonondaba beSABC, ingakumbi kumabonakude kufakwe amanqaku anika ithemba, akhuthazayo nashiya ulutsha lubona ikamva.
Eli hlazo ubunokulibona kakuhle ngethuba kuchazwa ngokubhubha kukaMembathisi Mdladlana, akakhange ayinikwe imbeko nesidima esimfaneleyo, okanye eli nqaku ngelinike ithemba kuninzi kuba usebenze nzima.