Umhla wesixhenxe kule nyanga ubonise ngokucacileyo ukuba ngenene siyaphela isidima, negunya lemibutho yabasebenzi kweli. Imibutho yabasebenzi kweli equka iNational Union of Metalworkers of South Africa (NUMSA), Food and Allied Workers Union (FAWU) neminye – inomzila omhle nowaziwayo wokumela abasebenzi, kodwa amanani abonisa ukuba iliwa libhek’ umoya. Kwisixeko saseKapa kulapho isithethe semibutho yabasebenzi sineengcambu ezinzulu, kwanembali engenakulingana nanto.
Kodwa uqhankqalazo labo lomhla wesixhenxe lubonisa ukuba abasebenzi baphelelwe lithemba kwimibutho efana neFAWU neNUMSA kwakunye neminye.
Ngemihla yangaphambili, abasebenzi bebesuka kumantla edolophu yaseKapa kwisitalato iHeerengracht besinge kumbindi wedolophu bengumjelo wemibala ebomvu ebonisa intlungu yabasebenzi.
Umzabalazo wabo wokulwela amalungelo abasebenzi awunakulibaleka kuba kuninzi okwenzeke ngenxa yeenzame zabo zokulwela abasebenzi. Xa ujonga inani labasebenzi abathatha inxaxheba liphantsi kakhulu, xa ukhangela amalungu emibutho ngezintlu ezahlukeneyo zebala abakho abasebenzi.
Kudala uqhankqalazo logalelebhayini ofana neCongress of South African Trade Unions (COSATU) beluhonjiswe yimibala yabantu bonke ingakumbi abamnyama nabebala. Ngoku kubonakala igcuntswana labebala nelinye igcuntswana labantu abamnyama.
Oku kwenzeka nangona zona iingxaki zabasebenzi zingayeki ukutyabula egxeni labasebenzi ngeendlela ezininzi. Iimeko abasebenza phantsi kwazo, imirholo nokuphela kwemisebenzi zezinye zeengxaki abajijisana nazo abasebenzi eMzantsi Afrika.
Kwelinye icala ke, ungathi ukuhla kwesidima sale mibutho yabasebenzi kuhambelana nokuba kulawula urhulumente wabantu, kodwa ke zona iingxaki zabasebenzi azitsho ukuba kuphethe urhulumente wabantu.
Oku kuthetha ukuba kumele ukuba kusungulwe inkqubo entsha yokwenza izinto kweli kanye ngendlela efanayo naleyo yayisetyenziswe ukukhupha urhulumente wamaBhulu.
Imibutho emitsha evuke emva ko1994 ayenzi ngokwaneleyo ukusungula amasebe amele iingxazi zabasebenzi. UZwelinzima Vavi ngomnye othe wasungula umbutho kweli xesha lokuphatha korhulumente wesininzi kodwa ifuthe nesidima sakhe asibonakalali, ukuba uyathanda ungathi wayesebenza bhetele phantsi kweCOSATU.