Umkhonto liyeza lekhaya.
Uninzi labantu lukholelwa ukuba izinto ezililifa kubo zezo zenza imali, okanye ezijika zibeyimali ukuze babenenzuzo. Umkhonto wekhaya lilifa kubantwana bekhaya ukuze bahlabe ngawo baphile ukuze bakwazi ukuba nempilo.
Esi sisixhobo sekhaya esibaluleke kakhulu kwimpilo yabantu belo khaya, kodwa abantu abasiniki esi sixhobo imbeko nesidima saso. Oku ungakubona xa utyelela amaziko agcina imbali nezinto eziyimbali, ufika kula maziko kukho imikhonto ebonakalisa ukuba yayisebenza okanye yakhe yasetyenziswa.
Umbuzo uthi iyenzani le mikhonto kumaziko okugcinwa kwembali, kaloku la maziko asungulwe ngenxa yefuthe laseNtshona. Ngobani abenza isikizi lokuhambisa umkhonto wekhaya bawuthumele kumaziko okugcina imbali? Ingaba kungenxa yolwazi oluncinci malunga nawo, okanye kukungafuni ukuba nanto yokwenza nawo?
Esi sixhobo sibaluleke kakhulu ngaphandle kokuba sihlaba, ubukho baso ekhayeni kubalulekile. Ukubaluleka kwaso ungakuqaphela ngokuba sibekwa kwindlu enkulu yekhaya, kaloku le ndlu kulapho abantwana bekhaya bathandaza khona.
Umkhonto wekhaya yinxalenye yezixhobo zekhaya zokuthandaza. Kuthandazwa phi, njani kwikhaya apho ungaziwayo umkhonto wekhaya apho ukhoyo. Uphi umkhonto wakokwenu? Inyanga le yinyanga yezinto ezililifa kuluntu, kodwa uluntu aliziqapheli ezona zinto zililifa kubo.
Ilifa yinto eshiywe ngabantu abangaphambili, ezi zinto zililifa ezinye zinamaxabiso athile ezinye azinaxabiso. Xa ufika kula maziko okugcina imbali ufika kukho izingqusho, amakhuko nezinye izinto ezililifa kubantwana belo khaya.
Ukufika kwenkolo zaseluhlangeni kweli kwaqala ngokuhlasela kanye ezi zikhali zekhaya zifana nomkhonto. Oku kwabangela ukuba kuchithakale umonga wentlalo yekhaya, kuba umkhonto ubuhlanganisa ikhaya namakhaya. Amandla wesi sixhobo acaca xa kufuneka sisebenzile ekhayeni.
Ukubonisa ixabiso lesi sixhobo sekhaya kule ndlu inkulu sihlala kuyo asibanjwa ngamakhosikazi ekhaya, awasondeli kwicala esihlala kulo endlini. Asiqalisi kusebenza kungathanga kuthethwe kwindibano ekuthwa libhunga lekhaya.
Kwezi zinto zililifa khangelani imikhonto yamakhaya enu, asithandabuzi ukuba akhona amakhaya angenayo imikhonto. Akhona amakhaya angawaziyo ukuba wayaphi, angawaziyo imbali nomzila wawo umkhonto wekhaya.
Ngaphandle kwamathandabuzo le mikhonto yayakugcinwa kumaziko okugcina imbali, kufundiswa ngawo kusenziwa nemiboniso ngayo. Xa sikhangela intlalo ngokusekelezelwe kwintlalo nenkolo kaNtu kumele ukuba umzi ngamnye ubenesi sixhobo sawo kuthwa ngumkhonto.
Kwezinye izizwe umkhonto udibanisa izindlu eziliqela, zonke zixhomekeke kulo mkhonto mnye. Oku kugcina isidima, nobushushu besiko lekhaya .
Kule nyanga yoMsintsi ekukhunjulwa ngayo izinto ezililifa, khangelani izinto ezililifa kuni ingakumbi ezingenalo ixabiso lemali, kodwa ezinexabiso kwimpilo yenu nilikhaya. Ubukho bomkhonto ekhayeni luphawu lokubumbana kwikhaya, ubukhali nokugcina imbali yekhaya. Uphi umkhonto wekhaya lakho?