Akwaba ulutsha, abafundi noluntu ngokubanzi lungakhumbula ukuba eyona ngxaki yayiphambili kwizikhalo zabafundi ababulawa ngo1976, babechase ulwimi lwesiBhulu. Oku kuthetha ukuba umzabalazo weelwimi yeyona nto yayiphambili kuko konke okwakusenzeka. Imithetho eyayilawula eli ukusukela ngonyaka ka1948 yanyanzela phakathi kwezinye izinto ukuba ulwimi lwesiBhulu lusetyenziswe ngenkani kwizikolo zabantsundu.
Ngabafundi ababephuma kwizikolo ezahlukeneyo zaseSoweto abathi baqhuba uqhankqalazo ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yeSilimela bechase isiBhulu. Ngenxa yoku kwabulawa abafundi abangamashumi amahlanu anesine, logama abangaphezu kwekhulu bathi balimala kabuhlungu.
Kubalulekile oko kuba ngo2023 sikhangele ukuba ingaba urhulumente wolawulo lwesininzi ukwazile na ukunika imbeko kwiilwimi zeli ezazisilwelwa ngabo bafundi. Aba bafundi babesithi zonke izifundo zabo mazifundiswe ngezinye ilwimi bohlukane nolwimi lesiBhulu. Eli lixesha apho abantu beli babenyanzelwa ngeendlela zonke ukuba babone isiBhulu njengolona lwimi lumele ukuthethwa, ukufundwa nokusetyenziswa. IsiBhulu lulwimi elingumngxengwa wolwimi lesiDatshi esafika kweli namaDatshi. Ukuchaswa kwenkqubo yokufunda nokufundiswa ngesibhulu kwakuhambelana nomzabalazo wabantsundu ababecinezelwe ngandlela zonke.
Masikhangele ke ukuba ingaba ukuphuma kwesiBhulu kwenza ntoni kwintlalo yabantu abamnyama. Kwaphunguka ngamandla ukunyanzelwa kolwimi lwesiBhulu kwizikolo zabamnyama, logama isiNgesi neelwimi zeli zathi zafumana indawo. Ekuzeni kuphela kweminyaka yoo1970, sibone iilwimi zeli zinikwa inxaxheba kumabonakude, kodwa lo msebenzi uphumelele ngamandla ekuqaleni kweminyaka yoo1980. Iziko losasazo kweli iSABC libe ngumzekelo wokwamkela iilwimi eziquka isiXhosa, isiZulu nezinye kumajelo azo. Kwangale minyaka ichazwe ngasentla, sibe siphelelwa kancinci isiBhulu kwintlalo yabantu abamnyama, ingakumbi kwinkqubo yokufunda nokufundiswa. Ngo1994 kungene urhulumente wesininzi kweli, kwaye kumele ukuba siyithethe inyaniso yokuba lo rhulumente wenze iinzame ezininzi ukubuyisa isidima seelwimi zeli. Iilwimi ezazijongelwe phantsi zinganikwa ndawo zaqala emva kokungena korhulumente wentando yesininzi ukunikwa inxaxheba kwinkqubo yokufunda nokufundisa, kumasebe karhulumente.
Uninzi lwembalelwano karhulumente luguqulelwa kwiilwimi ezininzi zeli kuquka nesi siBhulu na kakade. Kwaqalwa amaziko osasazo asekuhlaleni (1996) ngenjongo zokunika ithuba iilwimi zeli ukuba zithethwe kunomathotholo ukuze zikhule, zihlale zikhuselekile.
Kwiminyaka embalwa egqithileyo kuqalwe iingxoxo malunga nokufundiswa kweziBalo, iNzululwazi nezinye izifundo ngelwimi zesiNtu. IiYunivesithi zeli ziye zaqhubeka ukuvelisa ooGqirha abafunde besebenzisa iilwimi zabo zenkobe, bebhala iiThisisi zabo nezinye. Xa sithetha ngegalelo lala genge ka1976 singatsho sithi ngaphandle kwamathandabuzo umzabalazo wabo wawenza umahluko ukuze iilwimi zeli zinikwe ithuba.
Nangona ke sincoma, zisekho zona iindawo ezisafuna ukuqiniswa ukuze sibuye ngamandla isidima seelwimi zesiNtu. Kulutsha nabafundi banamhlanje singathi kubo kubalulekile ukuba baqine esikolweni ukuze bakwazi ukumelana nekamva elifuna izakhono ezahlukeneyo.