UQhawekazi Mazaleni onguMiss South Africa kulo nyaka.
Image: Miss South Africa
UMasipala waseMbhashe ngokubambisana noMasipala iKing Sabatha Dalindyebo kwakunye neMbhashe LG Mall baza kwamkela ngezandla ezishushu uQhawekazi Mazaleni eDutywa emva kokuba ephumelele uMiss South Africa 2025.
UQhawekazi, 24, welali yaseFalakahla kwaWadi 12 eDutywa, uza kubhiyozelwa ngabantu bakhe kulo msitho usesikweni uququzelelwe ngaba Masipala.
Lo Miss South Africa omtsha uthweswe isithsaba sale ntshinga enkulu kukhuphiswano loonobuhle elizweni ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kweyeDwarha 2025.
UMazaleni nokwangowaseGonubie, eMonti, uyingcali yokunyanga intetho (speech therapist) nombhali ozimisele ukunceda abantwana bafunde ukufunda nokubhala ngeelwimi zabo. Unencwadi yabantwana ebhalwe ngesiXhosa esihloko sithi, Amasele Amdaka. UnguMiss South Africa wokuqala owazalwa ngeminyaka yoo2000, okanye "i2k" ngamanye.
Kwingxelo, uMasipala waseMbhashe uthe impumelelo kaQhawekazi ingaphezulu kokufumana isithsaba. "Lo msitho ngumsitho wokubhiyozela imvelaphi yakhe kunye nendlela yokukhawulelana nenjongo yakhe, yokuxhobisa, ukubandakanya nokukhuthaza abantu abatsha kuMzantsi Afrika uphela," utshilo lo Masipala.
UQhawekazi uza kugaleleka kwisikhululo seenqwelomoya saseMthatha namhlanje, ngoLwesihlanu, umhla wesihlanu kweyoMnga, ngentsimbi yesibini emva kwemini. Uza kuba eseMbhashe LG Mall ngoMgqibelo, umhla wesithandathu kweyoMnga, ukusukela ngentsimbi yeshumi kusasa.