Amagosa exakekile emsebenzini ngethuba ehlola ivenkile ekwisitalato saseCalifornia, eMonti.
Image: BCM
UMasipala ombaxa waseBuffalo City ukhokele amapolisa namaqela aliqela aphuma kumacandelo ahlukeneyo aqhube ugqogqo kwisitalato saseCalifornia eMonti nolubangele ukuba kuvalwe iivenkile ezithile kwahluthwa nokutya okungenampilo, phakathi kwezinto ezithe zenzeka.
Eli phulo lenzeke kwisitalato iSt Paul’s, eNorth End, eMonti, ngentseni yangoLwesine, nelikwajonge izenzo zolwaphulomthetho ezahlukeneyo eziquka ubume bokuba kweli lizwe kwabantu basemzini.
UMasipala ungqinile kwingxelo ukuba eli phulo belijolise kwiivenkile ezikulo mmandla ezithe zagqogqwa kuquka zonke iimoto. Kuthiwa onke amashishini akulo mmandla aye ahlolwa.
Zizonke iivenkile ezilishumi elinanye ziye zahlolwa zaze zavalwa ezilithoba, kwathinjwa ukutya okungekho mpilweni okuxabisa iR3343 kunye nezibulali zinambuzane ezixabisa iR795, itsho ingxelo.
Ngaphezu koko, uMasipala uthe kukhutshwa izohlwayo ezilithoba zeCandelo 341 zeemoto ezingenampephamvume nokuphazamisa ezixabisa iR6 300 zizonke, kunye nezaziso ezilishumi zeCandelo 56 eziye zakhutshelwa amashishini awohlukeneyo ngokusebenza ngaphandle kweempephamvume zoshishino nezixabisa iR10 000 zizonke.
Eli phulo liyinxalenye yokulwa ulwaphulomthetho kwaye beliquka amacandelo ahlukeneyo amapolisa, iqumrhu elijongene notywala eMpuma Koloni, iSebe lezeKhaya kunye namasebe ohlukeneyo kaMasipala.