Iindaba

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns utshice ilothe emva komdlalo wayizolo

Pedro Mapelo|Published

UGamphani Jones Lungu weSiwelele FC noKeanu Jabobs weMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiership izolo eBloemfontein.

Image: Backpagepix

Emva kokuphanza kwelinge leMamelodi Sundowns lokubuyela phezulu, umqeqeshi wayo ukhuphele umsindo kusompempe obephethe umdlalo.

UMiguel Cardoso uvakalise ukungaxoli kwakhe ethetha neentatheli emva kokuba iSundowns ibambene ngegowuli macala neSiwelele FC emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eDr Molemela Stadium izolo ebusuku.

Ukungaphumeleli kwayo iSundowns kuthethe ukuthi ayikwazi ukubuyela kwindawo ephezulu ekuhleli kuyo ngoku i'Orlando Pirates.

"Kukho umntu ozenze krelekrele ovimbe iSundowns impumelelo," utshilo uCardoso nangoba engambizanga ngegama uAbongile Tom obephethe umdlalo izolo. "Umdlali ubuphethwe sithi kwisigaba sesibini futhi sikwazile nokufumana igowuli.

"Kodwa kukho umntu obesebaleni, okrelekrele kunomntu wonke, ogqibe kwelokuba awenze nzima umsebenzi wethu. Emdlalweni bekukho iSundowns ebidlalela ukufaka igowuli - logama elinye iqela belidlalela nje ukuzikhusela," utshilo uCardoso ophantsi koxinizelelo.

Ebuzwa ngekhadi elibomvu elinikwe uTeboho Mokoena, umqeqeshi uthe: "Ndithe bekukho umntu okrelekrele kunomntu wonke ebaleni. Andifuni ukuthetha ngosompempe. Zihlalutyeleni ngoba nibonile ethivini. Andazi mna futhi andifuni ukohlwaywa."

Njengoba iSundowns ithe kratya kwiPirates ngemidlalo eyidlalileyo, kukhula uxinizelelo kuCardoso. UTom, akhale ngaye emdlalweni, ngomnye woosompempe abaphuma eMzantsi Afrika abaza kuphatha imidlalo yeAfrica Cup of Nations eza kube iseMorocco ekuthambekeni kwale nyanga.