Iindaba

Kufunyenwe imoto yesebe likaRhulumente ingenawo amacango!

Cwayita Nondula|Published

Amapolisa afumene imoto yesebe likarhulumente ebibiwe ibokoboko.

Image: Tony Studio / iStock

Amapolisa akuQumbu abambe umrhanelwa oyindoda (25) kwingingqi yaseMatyhamini, eChulunca, ngoLwesibini wale veki emva kokufunyanwa kwemoto yesebe likarhulumente yohlobo lweNissan Navara ebiphangiwe ibokoboko.

Amapolisa abambe umrhanelwa malunga nentsimbi yesine ngentseni inja ixukuxa ekwiphulo lokulandelela emva kokufunyanwa kwemoto yesebe likaRhulumente iNissan Navara eyayinenombolo engqamana netyala laseSulenkama yenyanga yeNkanga 2025 lokuphangwa kwemoto.

Amapolisa athi umrhanelwa obanjiweyo ufunyenwe enempahla ekurhaneleka ukuba ibiwe kwindawo ahlala kuyo njengenjini, amacango emoto, njl.njl.

Kwangaloo mini kwesinye isiganeko, emva kwemini (13:10) eMthatha, indoda (28) ekrokrisayo idubule amalungu eTRT ngethuba esiya kuye ngeenjongo zokumgqogqa kufuphi nendawo yaseNkululekweni ekwindlela uR61 osingise eSajonisi.

Amapolisa awazange achithe xesha aphindisa, kwaye umrhanelwa wadutyulwa wabhubha.

Kule ndoda ingasekhoyo kuye kwafunyanwa umpu wohlobo omncinci (9mm) onenombolo ecinyiweyo kunye neembumbulu.

Umrhanelwa ofunyenwe nemoto ebiweyo yesebe likarhulumente ibokoboko uza kuvela phambi kwenkundla kamantyi wakuQumbu kungekudala.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uwaqhwabele izandla amalungu ngokuzibophelela kwawo okungagungqiyo ekulweni ulwaphulomthetho kwaye wababongoza ukuba baqhubeke nokwenza iOR Tambo ibe yindawo ekhuselekileyo yomntu wonke.