Iindaba

Amapolisa asebenze ngokungekho mthethweni kuqhanqalazo laseWSU, itsho iSAHRC

Cwayita Nondula|Published

iSAHRC ithi amapolisa zange aphathe uqhanqalazo lwaseWSU ngendlela esemthethweni.

Image: WSU

IKomishini yamaLungelo oLuntu eMzantsi Afrika (SAHRC), kwingxelo yophando lwayo, ifumanise ukuba amapolisa asebenza ngokungekho mthethweni ngethuba ejongene noqhankqalazo leyunivesithi yaseWalter Sisulu (WSU) kwinyanga kaCanzibe ngonyaka ka2024.

NgoLwesine, umhla wesine kweyoMnga 2025, iSAHRC, ngokusebenzisa iofisi yayo yaseMpuma Koloni, ikhuphe ingxelo yayo yokugqibela yophando ngoqhankqalazo elakhatshwa ludushe eWalter Sisulu University. Le ngxelo ichaphazela izehlo ezenzeke ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuCanzibe ngo2024.

Uphando luthathele ingqalelo ubungqina bezonyango, uhlalutyo leengcali zemipu, iingxelo ezifakwe liziko kunye nobungqina obuvele kubafundi abachaphazelekayo, abezokhuseleko, amapolisa namaqumrhu okongamela.

IKomishini ifumanise ukuba uqhankqalazo laqale ngenzolo kulandela emva kokudluliswa kwexwebhu lesikhalazo (memorandum) ngabafundi ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuCanzibe ngo2024.

"Oonogada babucala bangenelela kusuku olulandelayo badubula iimbumbulu zerabha basebenzisa nezinye izixhobo kubafundi ababehleli. Ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuCanzibe, uqhanqalazo laye laqatsela lajika lasinga kuhola wendlela enguN2 (Mandela Drive), eMthatha - apho abafundi badibana namapolisa angaqeqeshelwanga ukwenza umsebenzi wokugcina ucwangco kwiindawo ezinabantu abaninzi," itshilo iKomishini.

Ngokwengxelo, abantu abalishumi elinesine kwanyanzeleka bayokufumana unyango esibhedlele emva kokuba bafumene ukonzakala okunxulumene noqhankqalazo. Abalithoba kubo babengabafundi, abathathu bonzakala ngendlela emasikizi neyabeka ubomi babo esichengeni.

Uphando leKomishini luthi abafundi bebengaxhobanga de kwasetyenziswa ubundlobongela kubo ngabokhuselo. Nangona kunjalo, iKomishini ithe abafundi nabo banoxanduva.

IKomishini ikhuthaze imibutho yabafundi ukuba ikhuthaze ukudibanisa abantu abanenkathalo, uthethathethwano olubalulekileyo olusekwe kulwazi oluchanekileyo kunye nokwazisa ngemilinganiselo esemthethweni yoqhanqalazo olukhuselekileyo.

Olu phando lukwafumanise ukuba nangona ulwazi olulahlekisayo lungakhange lulawule indlela izinto ezaqhubeka ngayo, kodwa kukho into engeyonyaniso eyabhalwa yapapashwa malunga nenani lokubhubha kwabafundi elasasazwayo emva kokuba amapolisa engquzulane nabo.

Kwakhona uphando lafumanisa ukuba amaziko amaninzi asilele kwizibophelelo ezingundoqo zomgaqosiseko nezisemthethweni. "Iyunivesithi zange isebenzise iinkqubo zolamlo, ukhuseleko labucala lubandakanyeke kulawulo labantu abaninzi olungekho mthethweni, kwaye amapolisa (SAPS) yasebenzisa izixhobo ezingahambelaniyo nemigangatho yomthetho," itshilo iKomishini.

Iphethe ngelithi izigqeba zokongamela nazo zasilela ukuqalisa uphando kwa ngethuba. Oku kusilela kutyhila ubuthathaka benkqubo ekuphenduleni.