Iindaba

UVodacom noMakate baxoxe umba wePlease Call Me 'isikhaya'

Cwayita Nondula|Published

UVodacom noKenneth Nkosana Makate bafikelele kwisivumelwano ngaphandle kwenkundla emva kweminyaka emininzi besilwa ngomba kaPlease Call Me.

Image: Timothy Bernard / Independent Newspapers

UVodacom noKenneth Nkosana Makate bafikelele kwisivumelwano sokulungisa umba wePlease Call Me ngaphandle kwenkundla emva kweminyaka emininzi besilwa enkundleni.

NgoLwesithathu, umhla wesihlanu kweyeNkanga 2025, uVodacom uthe ibhodi yayo yamkele isivumelwano sentlawulo kwaye lo mba awusayi kuqhubeka ezinkundleni. Imali ekuvunyelwene ngayo ayizange ibhengezwe.

Nangona kunjalo, uVodacom uthe intlawulo iza kuvela kwiziphumo zexeshana zenkampani zeenyanga ezintandathu neziphelele nge30 kweyoMsintsi 2025, neziza kubhengezwa nge10 kweyeNkanga.

Ithe njengenxalenye yenkqubo yentlawulo, isaziso sithunyelwe kwiNkundla ePhakamileyo yeziBheno esirhoxisa isibheno sikaVodacom. Ukongeza, kuthiwa isaziso sithunyelwe kwiNkundla ePhakamileyo sokurhoxisa isigwebo se8 kweyoMdumba 2022.

UMakate noVodacom baneminyaka eli18 besilwa ngomba wePlease Call Me.

UVodacom ngaphambili wanika uMakate malunga neR47 million, kodwa uMakate wayala waqhubeka esilwa enkundleni enethemba lokufumana malunga neR10 billion kuVodacom.

UMakate kudala esilwa yonke le minyaka esithi nguye owaza necebo likaPlease Call Me ngethuba esebenzela uVodacom ngo2001. Wathi xa engakhange abhatalelwe icebo lakhe, wabhenela kwiinkundla ngo2008.

Ngaphambili, iNkundla ePhakamileyo yayiyalele uVodacom ukuba abuyekeze uMakate phakathi kwe5% ne7.5% yemali eyenziwe yinkonzo yakwaPlease Call Me kwiminyaka eyi18.

Emva kweminyaka emininzi eli tyala liyaphuma kuluhlu lwamatyala enkundla.