Imali efunyanwa ngokumbiwa kwesanti kunye nepali yenethiwekhi (network tower) inceda ekuphuhliseni ingingqi yaseOR Tambo, oku kusemva kokuba iinkokeli zemveli eziphantsi kweAmaMpondomise aseNtshonalanga Traditional Council zisebenzise le mali ukwakha iikritshi ezimbini nezindlu ezintathu zamaxhoba ezikhukula kwesi sithili.
NgoLwesine, umhla wama30 kweyeDwarha 2025, bekukho umsitho wokunikezela ngokusesikweni la maziko mabini ophuhliso lwabantwana (ECD), okanye iikritshi ngamanye, kunye nezindlu eMfolozi Great Place. Eli Bhunga lisebenzisane neSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni (Cogta) ukufezekisa eli phulo.
Ethetha ngakumbi ngeli phulo uSongo Matanzima ophuma kwiBhunga lamaMpondomise aseNtshonalanga Traditional Council uthe: "I-AmaMpondomise aseNtshonalanga Traditional Council ifumana inkxasomali kwimali efunyanwa ngokumbiwa kwesanti nepali yenethiwekhi apho inkampani yezonxibelelwano ihlawula rhoqo ngenyanga, ngoko yonke imali exhase lo msebenzi ibiphuma kwezo mali."
UMatanzima uthe banethemba lokuba ngokwakhiwa kwezi kritshi kuza kuqaqambisa kwaye kulole ikamva labantwana batsho basondezwe kwiindawo abahlala kuzo. "Akukho mntwana kufuneka ahlale ekhaya kuba abazali bakhe abanamali yokumsa kumaziko ophuhliso lwabantwana abancinci edolophini. Sinethemba lokunciphisa ubunzima benkcitho kubazali kwaye senze ubomi babo bube lula.
"Sikwafuna ukuvula amathuba emisebenzi apho amalungu oluntu ayakuthi athathelwe ingqalelo ukuba asebenze kula maziko, sikwanethemba lokuba siza kuphembelela uluntu ukuba lusebenzise izibonelelo ezifumanekayo kubo kwaye luqhubele uluntu phambili.
"Okokugqibela sinethemba lokutsala abatyali-zimali kunye nabaxhasi ngezimali ukuba basincedise ekuphuhliseni uluntu lwethu nokwenza ubomi babantu bakuthi bubengcono," utshilo uMatanzima ethetha neli phephandaba.
UMatanzima uthi iBhunga lenze uhlolo lomonakalo apho bebekhangela amakhaya atshatyalaliswe kwaphela kwaye bachonge amabini – elinye liseMfolozi elinye liseMagutywa – ikhaya lesithathu lelakhelwe ixhegokazi elalihlala kwindlu yethutyana ukusukela ngo2012 unyaka kwadilika indlu yalo.
Imali eyenziwa luluntu ngokumbiwa kwesanti apho kuthengiswa isanti kumashishini inceda ukuphuhlisa lo mmandla nanjengoko bekwazile ukwakha izakhiwo ezilolu hlobo ezinceda uluntu. Ngaphandle kokwembiwa kwesanti kunye nale pali, bafumana utyalomali kumashishini afana noPirtek, Tyali Royal Family, Boxer Tsolo, Queenrose Spar Tsolo, Mothers Union Riverside, Titshas Security Company, ECDC, Marensky, kwakunye neKhutshwa Investments.