Iindaba

Kubanjwe indoda eyanyaniswa nokubulawa kwetshantliziyo labafundi ngo1985

Cwayita Nondula|Published

Itshantliziyo labafundi uBatandwa Ndondo owabulawa ngo1985.

Image: Calusa

Owayesakuba ligosa leSebe lezoKhuseleko (Security Branch) uGcinisiko Lamont Dandala (67) ubanjwe malunga nokubulawa kwetshantliziyo labafundi elalifunda kwiYunivesithi yaseTranskei (UNITRA), uBatandwa Ndondo ngo1985.

Ibutho leeHawks Crimes Against the State (CATS) phantsi kwecandelo leSerious Organised Crime Investigation liqinisekise ukubanjwa kukaDandala obevele phambi kwenkundla kamantyi waseCala ngomhla wesine kweyeNkanga 2025, ejongene nezityholo zokubulala.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, ngomhla wama24 kweyoMsintsi ngo1985, kutyholwa ukuba uNondo wathathwa ngesinyanzeliso ngamalungu eSecurity Branch, achazwa njengoSajini uMbuso Shabalala noConstable Gcinisiko Lamont Dandala ekhatshwa ngababengamalungu emibutho yenkululeko abathi bazibandakanya nomkhosi worhulumente wocalucalulo uGladstone Mose noXolelwa Virginia Shosha.

"Eli qela kuthiwa lalihamba ngemoto yohlobo lweToyota Hiace Combi eneefestile ezimnyama. Ngokobungqina obukhoyo, uNondo kuthiwa uzame ukubaleka ngokutsiba kwisithuthi esasihamba. Kukwatyholwa ukuba emva koko wadutyulwa wabhubha ngamapolisa abandakanyekayo.

"Umfi, uNondo wayeyinkokeli yabafundi edumileyo nelungu lebhunga elimele abafundi (SRC) eUNITRA ngo1985. Ubutshantliziyo bakhe kunye nokuchasa imigaqo nkqubo yocalucalulo kwamenza utshaba lweSebe lezoKhuseleko ngoko, oko kwakhokelela ekuvalelweni kwakhe izihlandlo ezininzi phantsi kwemithetho yengcinezelo," utshilo uMhlakuvana.

Lo mba ubuye wavela kwakhona emva kothethathethwano oluhlaziyiweyo noMlawuli wezoTshutshiso (DPP), apho kwafikelelwa kwisigqibo sokuba lo mba uguqulwe ngokusesikweni ube lityala laseCala ukuze liphandwe phantsi kwenkqubo sikhokelo yeTRC, utshilo uMhlakuvana.

Kuthiwa uphando lube yinxalenye yamatyala eKomishini yeNyaniso noXolelwaniso (TRC).

Emva kophando olubanzi nolucokisekileyo, abaphandi beCATS babambe uDandala, okuphela komrhanelwa osaphilayo oyanyaniswa nesi siganeko sokubulala. Abanye abantu ababandakanyekayo basweleka.

INtloko yePhondo yeDPCI, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, uncome igqiza eliphandayo leCATS ngomsebenzi walo ochubekileyo, inkuthalo, nomonde ekujonganeni namatyala anembali ebalulekileyo.

UDandala uye wavela phambi kwenkundla kamantyi yaseCala ngomhla wesine kweyeNkanga 2025, ejongene netyala lokubulala. Umtyholwa ukhululwe ngesilumkiso, kwaye lo mba wahlehliselwa umhla we11 kweyoMnga 2025.