Iindaba

Urhulumente uhlalutya isigwebo senkundla yaseMalawi malunga nokubuyiselwa kukaBushiri

Cwayita Nondula|Published

UShepherd Bushiri nenkosikazi yakhe uMary Bushiri.

Image: Prophet Shepherd Bushiri / Facebook

UMmamoloko Kubayi, umphathiswa wezobulungisa nophuhliso lomgaqo siseko, usithathele ingqalelo isigqibo seNkundla ePhakamileyo yaseMalawi sokusikhaba isicelo soMzantsi Afrika sokuba kubuyiselwe uShepherd Bushiri nenkosikazi yakhe uMary eMzantsi Afrika.

Esi sibini sibekwe amatyala afana nokudlwengula, ukophula imithetho yeFinancial Advisory and Intermediary Services Act, Banking Act, Immigration Act, kwakunye nokophula imiqathango yebheyile. Babaleka eMzantsi Afrika ngelixa bengaphandle ngebheyile ngo2020.

Isebe lithe umphathiswa uKubayi ubonakalise ukuba uRhulumente woMzantsi Afrika uhlalutya isigwebo kwaye uya kumisela inyathelo elilandelayo lomthetho xa uvavanyo olupheleleyo lwesigwebo lugqityiwe.

Iphinde yathi uKubayi uqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika usahleli uzinzile ekulandeleni zonke iindlela ezikhoyo zomthetho ukuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenziwa ekugqibeleni.

"Umphathiswa uqhube wathi isebe lezobulungisa nobhuhliso lomgaqo siseko, elisebenza njengegunya eliphambili loMzantsi Afrika, liza kuqhubeka nokusebenzisana ngokusondeleyo neMalawi ukuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka, ukulwa urhwaphilizo, kunye nokomeleza iindlela zentsebenziswano enqumla imida kwimiba yolwaphulomthetho," litshilo isebe.

Oku kuza emva kokuba isigqibo seNkundla ePhakamileyo yaseMalawi isikhabile isigwebo seNkundla kaMantyi eLilongwe sokuba aba babini mababuyiselwe eMzantsi Afrika.

Ukubhiyozela oku, uBushiri ubhalele abalandeli bakhe abangaphezu kwezigidi ezihlanu kwikhasi lakhe likaFacebook ngoLwesihlanu, umhla wama31 kweyeDwarha 2025, wathi: "UThixo uthembekile. Siye saliphumelela ityala lokuba sibuyiselwe [eMzantsi Afrika]. Ngobu busuku [ngoLwesihlanu] siza kutshintsha inkonzo yethu ecwangcisiweyo ibe yinkonzo yokudumisa. Le yinyanga yeDwarha ekumele ikhunjulwe."