Iindaba

Izinto ebalasele ngazo iHONOR X7d ekulindeleke igqugqise emakethe

Pedro Mapelo|Published

Igalelekile eMzantsi Afrika ifowuli entsha ekuthiwa yiHONOR X7d eveliswe nguHONOR.

Image: HONOR

Ukhuphiswano phakathi kweenkampani ezivelisa iminxeba ephathwayo luphezulu. Okuhle ngalo nto kukuba kuziveliswa iifowuni ezilungiselwe bonke abantu.

Kutshanje, inkampani yaseChina, iHONOR, ikhuphe ekhasini umanqanqa wefowuni ekuthiwa yiHONOR X7d. Ayixabisi kakhulu emakethe ngoba ilungiselelwe abantu abanemivuzo ephantsi - kodwa into encomekayo ngayo kukuba inazo zonke izinto.

Into yokuqala enomtsalane ngayo yindlela eyenziwe ngayo. Intle, ilula futhi inekhibhoti ecofeka kamandi. Into yokuqala ebalasele ngayo iHONOR X7d lilahle (6500mAh battery) layo elihlala ixesha elide.

Nangona ithatha ixesha xa itshajiswa - kodwa iyanyamezela xa isetyenziswa. Abo bahlala ixesha elide ezifowunini zabo sobe bahlupheke kwiHONOR X7d ngoba ilungiselelwe bona kanye. Eyesibini into encomekayo ngale fowuni entsha kukukhuseleka kwayo.

Ayingenwa ngamanzi ngoba ilungiselelwe iimeko zonke. Abathanda imifanekiso baza konwaba ngoba inekhamera esemgangathweni ophezulu futhi ukunika into ngobunjalo bayo.

Njengezinye iifowuni ezikhoyo, iHONOR X7d inesikrin sayo sithi bhanya kamandi. Inaye uGoogle ohamba nenqwaba yeApp ezibenza lula ubomi babantu kule mihla.

Ubuchule obutsha ekuthiwa yiAI inabo kwaye buncedisa kakhulu kwimifanekiso. Noxa ingalingani noomanqanqa beefowuni abafana neHONOR 400 Pro - kodwa ayikho into ongenakuyenza kwiHONOR X7d.

Amakhasi onxibelelwano asebenza lula ngoba ifowuni entsha kaHONOR inikwa amandla athe chatha nguQualcomm Snapdragon. Isisu sayo sikhulu ngoba iyakwazi ukugcina izinto ezininzi.

Lo nto ithetha ukuthi akukho sizathu sakuba nexhala lokulahlekelwa zizinto ezibalulekileyo. Iyakwazi ukulibamba isinga lomnatha (network) ngoba inayo iWi-Fi 5 neBluetooth 5.0. Ukhona uGoogle oqhotyoshwe kwiMagicOS 9.0 kaHONOR.

Ezo zonto ziqinisekisa ukhuseleko nokusebenza kwefowuni okungenaziphazamiso. Apha eMzantsi Afrika kulindeleke ukuba uHONOR abethelele indawo yakhe njengomvelisi weefowuni othandwayo emva kokuqhuba kakuhle kweHONOR 400 Lite/Pro.