Umzimba kaNathi Mathethwa uza kubekwa ekhayeni lakhe ngeCawe emva kokubuyiswa khwakhe namhlanje.
Image: Facebook
Usapho lakwaMthethwa lifikile eMzantsi Afrika nomzimba kaNathi Mthethwa oswelekele eFrance ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga ephelileyo. Oku kwenzeke emva kokuba umzimba nomoya ulandwe likhaya eHyattRegency Hotel, eParis, izolo phambi kokuqala indlela ebuyela ekhaya.
Ingxelo eyakhutshwa ngamapolisa aseFrance yathi kubonakala ngathi uMthethwa waphuma ngefesitile (22nd floor) kwigumbi lehotel waziphosa phantsi wasweleka. Wabhaqwa ngosuku olulandelayo emva kokuxelwa emapoliseni engabuyanga emcimbini awayethe uya kuwo.
UMthethwa usweleke engunozakuzaku okanye engumthunya woMzantsi Afrika kwilizwe laseFrance. Phambi koko wayengumphathiswa wamaPolisa ngethuba kuphethe uMnu. Jacob Zuma.
Uye wangumphathiswa weZemidlalo, Ubugcisa neNkcubeko phantsi kukaMnu. Cyril Ramaphsa oye wamenza unozakuzaku eFrance. Abantu bakwaMthethwa noMkhululi Mthethwa, ongunyana kamfi (Nathi Mthethwa), bantingele eYurophu ekuqaleni kwale veki ngoba bekubalulekile kubo ukubuya naye wonke (umzimba nomoya) ngaxeshanye kuba eswelekele kude kakhulu ekhaya.
UMkhululi uthe bawenzile umsebenzi wokumlanda ngendlela yesiNtu. "Indlela yethu yokwenza izinto ibalulekile kuthi. Asikwazi ukumngcwaba singalandelanga inkqubo yasekhaya," utshilo uMkhululi ebalisa indlela abasebenze ngayo eFrance phambi kokubuyela ekhaya.
Uvumile ukuba bekubuhlungu kakhulu ukuba kwindawo awele kuyo utata wakhe. "Bekubuhlungu kakhulu ukuba kwigumbi awaswelekela kulo. Senze umthandazo sizama ukwamkela okwenzekayo ehotele. Bekunzima ukubona indawo awaphumela kuwo umphefumlo wakhe.
"Kodwa bekubalulekile ukuze sikwazi ukuphendula imibuzo ebesizibuza yona," utshilo uMkhululi. Emva kokuba uMongameli uCyril Ramaphosa egunyazise isigcwabo saseburhulumente esikudidi oluphezulu, uMthethwa uza kungcwatywa ekhayeni lakhe KwaZulu-Natal.
UMzantsi Afrika uthumele umcuphi eFrance ukuze azame ukuqokelela iinkcukacha ezingafumaneka ezingayimpendulo yemibuzo engaphendulekiyo. Eyona nto ixakayo kukuba akude kuvele ukuba kutheni ethathe isigqibo sokuzibulala. Iinkokeli zeAfrican National Congress bezibambe inkonzo yesikhumbuzo izolo ePinetown.